Inkokheli yentshukumo yokulwa nokufudukela kwelinye ilizwe ngokungekho mthethweni iMarch and March uJecinta Ngobese-Zuma uthe lentshukumo ayinanjongo yokuba liqela lezopolitiko.
Endaweni yoko, izimisele ukuba yiloo nto iyibize ngokuba yi-‘AfriForum yabantu abamnyama baseMzantsi Afrika’.
NgoMvulo umhla wesithathu kweyeThupha, lo mbutho ubhengeze ukuba useke iforam yetyala lobulungisa bentlalo kunye nesiseko sobuntu.
I-March and March ifumene udumo kwiinyanga zakutshanje ngemingcelele yabo enabantu abaninzi abachasene nokufudukela kwelinye ilizwe ngokungekho mthethweni.
Nangona kunjalo, ngokungafaniyo ne-Operation Dudula, eyaduma ngemingcelele yokulwa nokufudukela kwelinye ilizwe ngokungekho mthethweni, iMarch March ithi ayinawo umnqweno wokutshintsha ibe liqela lezopolitiko.
Inkokeli yeMarch and March uJacinta Ngobese-Zuma uthe kukho uxinzelelo loluntu lokuba lo mbutho ubhalise njengeqela lezopolitiko.
“Abantu basaziva bebophelelekile kumaqela ezopolitiko, ngoko ke bakholelwa ukuba ukuba iMarch and March iba liqela lezopolitiko, baya kumelwa ngcono. Mna ngokwam, andivakalelwa ngaloo ndlela; andivakalelwa kukuba siza kubenzela ubulungisa obungakumbi.”
Endaweni yoko, uNgobese-Zuma uthe iMarch and March bafuna ukufana neqela lamaBhulu, i-AfriForum.
“Ngoko ke, sinethemba lokuba siza kudala imodeli apho abantu baseMzantsi Afrika banako ukudala into efana ne-AfriForum, apho, ekugqibeleni, siza kuzakhela izikolo zethu size senze izinto zethu zaseMzantsi Afrika ngokuzingca.”
Le ntshukumo ithe yonke imisebenzi yayo ixhaswa ngabantu baseMzantsi Afrika abaqhelekileyo.

