22.2 C
King William's Town
Tuesday, October 21, 2025

I-Operation Shanela II eMpuma Koloni ibuye neziphumo ezincumisayo kumanyathelo angaphezu kwama-82,402 akhokhele ekubanjweni kwabarhanelwa abangama-978

Ukusukela ngomhla weshumi elinesithathu(13) ukuya ngoweshumi elinethoba(19) kweyeDwarha ngo-2025, amapolisa aseMpuma Koloni athathe amanyathelo angama-82,402 njengenxalenye yephulo i-Operation Shanela II, nto leyo ekhokhele ekubanjweni kwabarhanelwa abangamakhulu alithoba anamashumi asixhenxe aneibhozo(978) ngamatyala ohlukeneyo. Eli phulo belijolise ekwakheni indawo ekhuselekekileyo kwaye libandakanya intsebenziswano nee-arhente zikarhulumente ezahlukeneyo, abezomthetho, kunye neefemu zokhuseleko zabucala.

Kubanjwe abalishumi elinesixhenxe(17)ngokubulala,abalishumi elinesihlanu(15) ngezityholo zokuzama ukubulala. Amapolisa aphinde abamba abantu abangamakhulu amabini anamashumi amathandathu anesihlanu(265)ngokwenzakalisa ngokumasikizi, abangamashumi alithoba anesibhozo(98) ngokwenzakalisa, kunye nabangamashumi asixhenxe anesine(74) ngokuqhuba benxilile.Babhaqe imipu engamashumi amabini(20) engekho semthethweni ngela xesha, elishumi elinesibini(12) ifunyenwe kwisithili saseOR Tambo,emithandathu(6) kwisithili iNelson Mandela.

Ibambela lomkomishinala wephondo uNjengele uThandiswa Kupiso uncome amapolisa ngomsebenzi onzima, esithi, “Le ibiyiveki yokugqibela phambi kokuba siqale ngokusesikweni iphulo lokhuselo kwiphondo ngeHolide, kwaye amagosa ethu enze umsebenzi oncomekayo.” Uthembise ukuba bazakwandisa iinzame zabo kwiindawo ezinolwaphulo-mthetho kwaye bafumane inkxaso eyongezelelweyo kumahlakani abalulekileyo ukuphucula ukhuseleko nangakumbi kwezi veki zizayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
22.2 ° C
22.2 °
22.2 °
45 %
2.7kmh
1 %
Tue
25 °
Wed
33 °
Thu
38 °
Fri
25 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks