IKhomishini yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika (i-SAHRC) iphakamise inkxalabo malunga nengxaki yamalungelo oluntu enokubakho phakathi kwengcinezelo ekhulayo enxulunyaniswa nemingcelele yokulwa nokufudukela kwabantu bamanye amazwe ngokungekho mthethweni eKwaZulu-Natal nakwezinye iindawo zelizwe.
Ikhomishini ithi isebenzisana namapolisa kunye nee-arhente zeZizwe eziManyeneyo ukuthintela iingxwaba-ngxwaba, ubundlobongela kunye nosongelo olunxulumene nemingcelele yakutshanje.
Kukwaphakanyiswe inkxalabo malunga nentetho yentiyo, ukuziphatha okungekho mthethweni kunye nomngcipheko wokungazinzi okwandayo ngaphambi komhla wokugqibela wamashumi amathathu (30) kweyeSilimela obekwe ngamanye amaqela aqhankqalazayo.
I-SAHRC ithi ijonga ukulungela kwelizwe phakathi kwengxwaba-ngxwaba ekhulayo yokulwa nokufudukela kwabantu bamanye amazwe kwiindawo ezahlukeneyo.
Ikhomishini ithi inkxalabo ephakanyiswe ngexesha le-Imbizo yamaLungelo oLuntu yakutshanje ibandakanya imiba yokufudukela kwamanye amazwe kunye nemingeni yokunikezelwa kweenkonzo.
Ikwabandakanye amapolisa aKwaZulu-Natal kunye nee-arhente zeZizwe eziManyeneyo ngezityholo zezenzo zolwaphulo-mthetho kunye nomngcipheko wengxwaba-ngxwaba enokubakho.
I-SAHRC ithi amanyathelo adibeneyo ayadingeka ukukhusela uluntu olusengozini kunye nokugcina uzinzo.

