Izikolo zaseMpuma Koloni ziyavalwa ngenxa yesilumkiso semozulu kwiNqanaba lesi-8

ISebe leMfundo laseMpuma Koloni livale izikolo kwiindawo ezinobungozi obukhulu kangangeentsuku ezimbini njengoko isilumkiso semozulu seNqanaba lesibhozo (Level 8) sisongela izikhukula, umonakalo weziseko zophuhliso kunye neemeko zendlela eziyingozi kwiindawo ezithile zephondo.

Esi sigqibo silandela ukuphuculwa kweNkonzo yeMozulu yaseMzantsi Afrika kwesilumkiso sayo semvula ephazamisayo eNelson Mandela Bay nakwiindawo ezingqongileyo ukusuka kwiNqanaba lesihlanu (Level 5) ukuya kwiNqanaba lesibhozo (Level 8).

Ngokwenkonzo yemozulu, inkqubo yoxinzelelo oluphantsi kulindeleke ukuba idale iimvula ezinkulu elunxwemeni nakwiindawo ezikufutshane zangaphakathi.

Imvula ephakathi kwe-100mm kunye ne-150mm iqikelelwa kwezinye iindawo, ngelixa iNelson Mandela Bay inokufumana ukuya kuthi ga kwi-200mm kwiintsuku ezimbini.

Kwingxelo ekhutshwe ngoLwesibini umhlawesibini(2) kweyeSilimela, iSebe leMfundo liyalele izikolo kuzo zonke iindawo ezichongiweyo njengezingozi eziphezulu ukuba zimise iinkqubo zokufunda nokufundisa ukusuka ngoLwesithathu, umhla wesithathu (3)kweyeSilimela, ukuya ngoLwesine, umhla wesine (4) kweyeSilimela.

Oomasipala abachaphazelekayo abadweliswe kwingxelo kuquka iBuffalo City, iGreat Kei, iKouga, iKou-Kamma, iMakana, iNdlambe, iNelson Mandela Bay, iNgqushwa kunye neSundays River Valley.

Isebe lilumkisile ukuba imozulu embi ingakhokelela “kwizikhukula kwiindawo zokuhlala, iindlela, kunye neebhulorho”, “umonakalo weziseko zophuhliso” kunye “neemeko zokuqhuba eziyingozi ngenxa yeendlela ezityibilikayo kunye nokungabonakali kakuhle”.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
14.5 ° C
14.5 °
14.5 °
96 %
2kmh
100 %
Wed
14 °
Thu
12 °
Fri
15 °
Sat
17 °
Sun
19 °

EZITHANDWAYO INDABA