Ibanjiwe indoda etyholwa ngokumithisa umfundi ka Grade 8

Indoda eneminyaka engamashumi amathathu anethoba (39) ubudala ityholwa ngokuba imithise umntwana wesikolo sase Ngcobo oneminyaka elishumi nanthathu (13) ubudala efunda u Grade 8

Kutyolwa ukuba lendoda ibilisoka likamama walomntwana ongacazwanga ngenxa yeminyaka, kutyholwa ukuba kuthe ngexesha unina womtwana ekwi phondo la KwaZulu Natal lendoda yacela ukwembatha ngengubo enye nalomntwana.

OTitshala kanye nabahlali ngabo abazise amapolise ngesimo sokukhulelwa kwalomntwana okuleliswe yindoda endala .

Uvele kwi nkundla yamatyala e Ngcobo ngolwesine umhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeKhala uzophinde avele kwakhona enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kwakule yeKhala ukuze aziswe nge scelo sakhe se bail.

Ngoko mthetho kulityala ukulala nomntwana oneminyaka engapantsi kweshumu elinesithandathu (16), lonto ibizwa ngoku dlwengula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA