28.2 C
King William's Town
Tuesday, September 3, 2024

Igwetywe udilikajele indoda yaseCongo ngetyala lokudlwengula.

Inkundla yommandla waseMthatha imgwebe ubomi bayo bonke uCoki Chicha Juslain oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (36) ubudala emva kokudlwengula ixhoba lasetyhini elineminyaka engamashumi (28) ngo-2020.

Le ndoda yaseCongo ikhwelise ixhoba layo ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeDwarha 2020 ukusuka eMqanduli ukuya eMthatha kwaye wakwathembisa elixhoba ngomsebenzi kwivenkile yakhe eVidgesville kwaye bobabini bavumelana ukuba badibane ngosuku olulandelayo.

Ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeDwarha ka-2020 ixhoba laya kwivenkile yomtyholwa laze lafika lavalelwa kwigumbi eliqhekeziweyo, ladlwengula ze umtyholwa wamgrogrisa ngebhoso.

Ixhoba laye lakhululwa emva kodlwengulo laya kwisikhululo samapolisa eMthatha lavula ityala lokudlwengula.

Emva koko umtyholwa ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeNkanga ka-2020, wabekwa ityala lokudlwengula. Wavela okokuqala kwiNkundla kaMantyi eMthatha ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyeNkanga ngo-2020. Ibheyile yachaswa ngempumelelo waze wagcinwa eluvalelweni.

UCoki Chicha Juslain ugwetywe ubomi entolongweni yinkundla yengingqi yaseMthatha ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeThupha ngo2024. UMkomishinala wesithili saseOR Tambo uMajor General Phumzile Cetyana usamkele esi sigwebo watsho wavuyisana nomphandi wetyala uSgt Mhlabukutshiwe ngokufunyaniswa enetyala nokuqinisekisa ukuba umdlwenguli uyasuswa eluntwini.

“Oku kuthumela umyalezo ongqingqwa kunye nesifundo kubaxhaphazi ngokwesondo ukuba ezi zenzo zokuxhaphaza abantu abasesichengeni azinakuze zinyanyezelwe,” uvale ngelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
28.2 ° C
28.2 °
28.2 °
9 %
0.8kmh
91 %
Tue
30 °
Wed
25 °
Thu
14 °
Fri
15 °
Sat
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks