29.2 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

Irakhi yokugrogriswa ezikolweni iphazamisa ukufunda, ungenelelo olungxamisekileyo luyadingeka.

Umphathiswa weMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube uthi ukukhwabanisa okujoliswe ezikolweni kuphazamisa ukufunda kwaye kufuneka ungenelelo olukhawulezileyo.

UGwarube ebethetha kwiSikolo iWestview Special eGqeberha eMpuma Koloni apho akutyelelo lokufunda nokuphulaphula.

UMphathiswa uthi ukwanda kobuqhetseba ezikolweni yinkxalabo emandla kwaye isebe liza kuthetha nomphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu kungekudala malunga nokungenelela ukukhusela izikolo njengoko iimviwo zisondele.

Uthe yingxaki kuthi le, sele kushiyeke neentsuku ezingamashumi amane anesithoba (49) ngqo ukuba kuqale iimviwo zebanga leshumi (Grade 12) kwaye abakwazi ukuvumela iimeko apho ootitshala nabafundi beziva bengakhuselekanga kwiindawo abahlala kuzo. Oku kuyinxalenye yesizathu sokuba bonyulwe ukuba baye eNelson Mandela Bay, kuba kukwakho iingxaki kwiindawo ezithile kwapha eNelson Mandela Bay.

“Ndazisiwe nokuba kwiSithili sase-O.R Tambo, kukwakho ingxaki enkulu malunga nokuxhwilwa. Sifuna ukuyicacisa kakuhle into yokuba izikolo zethu ziindawo zokhuseleko,” wongeza uGwarube.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
29.2 ° C
29.2 °
29.2 °
21 %
1.1kmh
40 %
Sat
31 °
Sun
23 °
Mon
27 °
Tue
24 °
Wed
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks