19 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

Iindlela zaseMpuma Koloni zivaliwe ngenxa yokuwa kwekhephu.

Iindlela zaseMpuma Koloni zivaliwe ngenxa yokuwa kwekhephu.

IBarkly Pass, eku-R58 phakathi kweBarkly East neLady Grey eMpuma Koloni, ivalekile ngenxa yokuwa kwekhephu.

Isebe lezothutho kweli phondo lithi liyaqhubeleka nokubeka iliso kwezinye iindlela ezichatshazelwe likhephu ezifana noN6 ngaseJamestown, iLootsberg kuN9 kunye neWapadsberg kuR61.

Isithethi seli Sebe u-Unathi Binqose uthi isigqibo sokuvala le ndlela senziwe nanjengoko kulindeleke ukuba iqondo lobushushu beliqikelelwe kule ndawo lihlale ngaphantsi kweqanda namhlanje.

UBinqose uthi, “Indlela iBarkly East edlula kuR58 phakathi kweBarkly East kunye neLady Grey yeyokuqala ukuvalwa. Sikwanazo neengxelo zezithuthi ezivaleleke ngaphakathi kwindlela yokudlula kwaye ayisothusi njengoko uqikelelo lwemozulu lusixelela ukuba sinamaqondo obushushu obuncinane obuphakathi kwesithathu kunye nobukhulu beqanda, iimeko ezithandwa kakhulu likhephu elinzima.

Sihlaba ikhwelo kubasebenzisi bendlela ukuba baphephe ezi ntaba okanye balibazise ukuhamba.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19 ° C
19 °
19 °
61 %
2.8kmh
11 %
Sat
18 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks