ISebe lezoThutho laseMpuma Koloni lithi uninzi lweendlela zeentaba ebezivaliwe zivuliwe kwakhona, njengoko ikhephu lisihla kulo lonke iphondo.
Isebe lithi iindlela zihlala zityibilika kwaye likhuthaze abaqhubi beenqwelo-mafutha ukuba balumke. Likwathi kukho inkungu kunye nemvula kwiPenhoek Pass kuhloa wendlela u-N6 phakathi kweKomani neJames Calata nto leyo ebangela ukuba kungabonakali kakuhle.
Isithethi sesebe, u-Unathi Binqose, uthi, “Samkela kakhulu uphuhliso lwethu, emva kokuvalwa kweendlela ngoMvulo umhla wamashumi (10) kweyeThupha okuchaphazele ukuhamba kwezithuthi kwezinye zeendlela zethu ezinkulu kuquka i-N9 kunye ne-N6. Kodwa siyazi ukuba asikaphumi ehlathini kuba iindlela zihlala zimanzi kwaye zityibilika kwezo ndawo kwaye ngenxa yobushushu obuphantsi kakhulu izinto zisenokutshintsha nangaliphi na ixesha. Ngoko ke sibongoza abasebenzisi beendlela, ngokukodwa abaqhubi beenqwelo-mafutha ukuba basondele kwezo ndlela zeentaba ngononophelo olukhulu.”
NgoMvulo, urhulumente ukhuthaze amalungu oluntu ukuba ahlale ephaphile kwaye aqaphele kakhulu njengoko imozulu embi yasebusika ichaphazela iindawo ezininzi zelizwe.
Isithethi sikarhulumente, uWilliam Baloyi, uthi, “Amalungu oluntu ayakhunjuzwa ukuba imozulu kunye neemeko zendlela zinokutshintsha ngokukhawuleza. Iindlela ezivuliweyo ngoku zinokuvalwa emva koko ukuba iimeko ziyawohloka, ngelixa iindlela ebezivaliwe ngaphambili zinokuvulwa kwakhona xa sele zivavanyiwe kwaye zicociwe ngabasemagunyeni abafanelekileyo.”
“Uluntu lucelwa ukuba luthembele kuhlaziyo olusemthethweni oluvela kwiNkonzo yeMozulu yaseMzantsi Afrika, abasemagunyeni bezothutho bephondo, iiarhente zeendlela, izakhiwo zolawulo lweentlekele, kunye neenkonzo zongxamiseko ukuze lufumane ulwazi lwamva nje.”

