IKhomishini ye-CRL ijonga amatyala olwaphulo-mthetho avuliweyo malunga nokubhubha kwabakhwetha kwelixesha lasebusika

IKhomishini yamaLungelo eNkcubeko, eNkolo neLwimi (i-CRL) ithi iza kujonga ngokusondeleyo amatyala olwaphulo-mthetho avulwe kulo lonke ilizwe ngeli xesha lokwaluka lasebusika.

Abakhwetha abangamashumi amane anesithathu (43) basweleke ukusukela ngenyanga kaCanzibe, ikakhulu kumaphondo aquka iMpumalanga neMpuma Koloni.

Ikhomishini iceba ukuqala ukuphanda ezi ziganeko ukususela kwinyanga ezayo.

Izibalo ezikhutshwe ekuqaleni kwale nyanga zibonisa ukuba amatyala olwaphulo-mthetho angaphezu kwekhulu (100) avuliwe, nto leyo ebangele ukuba kubanjwe ubuncinane abantu abangamashumi amane (40) ngeli xesha lokwaluka lasebusika.

U-Edward Mafadza weKhomishini yamaLungelo e-CRL uthe baza kujonga nzulu oku kubanjwa kunye nemiba yolwaphulo-mthetho njengenxalenye yophando lwabo.

IMpumalanga inenani eliphezulu lokubhubha kwabakhwetha eliyishumi elinesibhozo (18), ilandelwa yiMpuma Koloni enenani elifikelela kwishumi elinesine (14).

UMtla Ntshona ubhale abakhwetha abane (4) abaswelekileyo, ngelixa iLimpopo inabathathu (3) kwaye eRhawutini kunye naseFreyistatha iqinisekisile ukubhubha kwabakhwetha ababini (2) iphondo ngalinye.

UMafadza uthi ikhomishini kufuneka imisele ukuba yintoni ehambe kakubi eMpumalanga, eyayisetyenziswa ngaphambili njengomzekelo wendlela elungileyo yokusebenza.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.1 ° C
15.1 °
15.1 °
44 %
3.9kmh
18 %
Thu
16 °
Fri
14 °
Sat
19 °
Sun
25 °
Mon
20 °

EZITHANDWAYO INDABA