Bekubanjwe umsitho wokunikezelwa ngeziqhisheki zangaphantsi zabasetyhini kubantwana bezikolo zaseDutywa yiKhulisa youth development. IKhulisa Development yiNon Profit Organization neyaqalwa ngu Lunathi Bomela ngonyaka ka 2017. Le Nkampani isebenza ngezophuhliso ezilalini kwaye inceda nabantu abatsha ukugcina ingqondo yabo idlamnkile.
ULunathi nongu mphathi wale organization uthe wadibanisa iilali ngeelali zaseDutywa ze wazixelela ngenjongo yakhe afuna ukuyenza nezakuncedisana nophuhliso lwabantu nabantu abatsha kubekhona nemidlalo yebhola. Uthi kwakungelulanga ngoba wayenayo imicelimngeni ngeloxesha emininzi ngoba abantu babevele bathethe nezinto ezazifuna ukumbuyisa umva ngoba babemthatha njengo mntwana nje oboniswayo, kodwa abanye baye bavuya beva kamnandi kakhulu bakubona ukuba yonke lento iyaqhubekeka ayingondaba mlonyeni nje qha. Ezi program zabo ziyancedisa nasekucebiseni abantwana abangama ntombazana ukuze baqaphele bangakhulelwa beselula.
LokaBoma uqhube ngelithi iilali yindawo apha edelelekayo nengajongelwanga ntweni ngabantu. Esith abantu bafunda apha bahambe baye eziDolophini besithi bayokuzama ubomi. Omnye umncelimngeni wesibini awuchaphazeleyo, kuxa eyonqonqoza kwiindawo zasebu rhulumenteni kufike umhlawumbi awaziwa okanye kubekhona umntu oye wancedakala ecela ngegama leNkampani leyo andule ukungazisebenzisi kakuhle.
Kodwa ke lilonke uthi mininzi imicelimngeni kwaye bancedisa bephuhlisa abantu bengajonganga nzuzo. IKhulisa youth development kufuneka xa izakubamba imisitho ethile baziqokelelela imali ngokuthi bavasele abantu iiMoto benze izinto ezizakunyusa ingxowa mali yabo ukhwenzela bakwazi ukuncedisana nomphakathi. LokaBomela uqwele ngelithi kweminyaka emibini nemithathu ezayo uyibona iKhulisa youth development ikhulile, umnqweno wakhe abantu bezisebenzela okanye besebenza kule progam ye Khulisa development. Uyiqwele ngelithi iKhulisa izokwenza umntu omnyama akwazi ukuzimela.
Ingxelo: Zintle Madikane




