30.9 C
King William's Town
Monday, March 16, 2026

Indoda yaseCumakala itshise isinqanda_mathe sayo nonyana wayo ebimtyhola ngelokuba ube R50 yayo

Indoda yaseCumakala itbophelele ze yatshisa isinqanda­mathe sayo kunye nonyana wakhe oneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala kwilali yaseKubusi eCumakala kweliphondo LeMpuma Koloni ngoMvulo umhla wethoba (9) kweyoKwandla ka -2026.

Ngokwengxelo esisibini silwela ubomi baso kwizibhedlele ezahluka­-hlukeneyo, isinqanda-mathe somrhanelwa sigqithiselwe kwisibhedlele esiseMonti ngenxa yobuzaza bamanxeba okutsha, logama inkwenkwana yona ikwisibhedlele sasekuhlaleni. Ngokwengxelo umrhanelwa utyhola esisibini ngokuba imali yomrhanelwa engangamashumi amahlanu eerandi (R50).

Ukanti umama walenkwenkwana uNdileka Magibisela uthi unyana wakhe nomrhanelwa uImitha Magibisela uthi ngemini yesiganeko wafumana iindaba zokutsha konyana wakhe nalapho athi ekufikeni kwakhe esibhedlele waxhelwa kukuva amagama kanyana wakhe xa esithi akatyanga nerandi enye kulemali kayise.

Ukanti umakhulu wintwana uthi umnqweno wakhe kukuba umrhanelwa angaphumi entolongweni emva kokonzakalisa ubomi bomzukulwana wakhe oluhlobo. Esithi eyona nto imxhela umphefumlo kukuba lenkwankwana ihlala naye nto nje wayemoyikise ngokumfaka uswazi kwilinge lokunqanda ukuba angayi Emfuleni ukuyodada namanye amakhwenkwe, kulapho le nkwenkwana yabalekela endlini kayise.

Kusenjalo uceba wasekuhlaleni phantsi komasipala i-Amahlathi uNdileka Ngxaka-Ngxaka esithi bavile ngesehlo esehle kusapho lakwaMagibisela, esithi nangona engengoceba ophethe kulelali kodwa uthe esova ngesisehlo nalapho watsiba kuqala ukuzosabela. Uthi ke eyona njongo iphambili kungoku nje kukuyoma phambi kwenkundla yamatyala ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kwinyanga yoKwindla ukuya kuxhasa iintsapho ezichaphazelekayo, nokuyokuthi ‘Phantsi nge bheyile” kumrhanelwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
30.9 ° C
30.9 °
30.9 °
41 %
4.5kmh
0 %
Mon
29 °
Tue
32 °
Wed
29 °
Thu
31 °
Fri
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks