Ugwetywe iminyaka elikhulu namashumi amahlanu anesibini (152) kunye nesigwebo sobomi esinye entolongweni yiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha ngoLwesine, umhla weshumi elinesibini (12) kweyoKwindla 2026, uMasixole Tyongwana oneminyaka engamashumi amathathu ananye (31) ubudala welali yaseButho ePort St Johns ngenxa yamatyala alishumi elinesithandathu (16) aquka ukuphanga nokuthumba ukuya ekubulaleni, awawenza kunye nomntu owayemphethe ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMqungu ka-2024, ePort St Johns.
UMasixole kunye nomntu awayemphethe waseNgqeleni bathimba ixhoba eliyindoda elineminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala ngelixa wayekunye nentombi yakhe, kwindawo yaseButho. Babaphanga izinto zasekhaya, kuquka izandi kunye neefowuni, bambopha izandla zombini, baza baqhuba ngeveni yeCorsa Utility yexhoba. Kuloo ndawo inye, amanye amaxhoba ahlaselwa kwaye aphangwa iimpahla zasekhaya, zonke ezafakwa kwiveni yexhoba. Ekugqibeleni ixhoba elibhinqileyo lakhululwa kwindawo engaziwayo, ngelixa ixhoba eliyindoda elineminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala ladutyulwa laza labulawa, kwaye isidumbu salo esingenabomi salahlwa kwindawo yaseNgqongweni eNgqeleni.
Uphando olunzulu olwenziwe ngamapolisa asePort St Johns, i-OR Tambo Search and Rescue Team, kunye neVehicle Crime Investigative Section/Unit lukhokelele ekufumaneni imoto ebiweyo/ephangiweyo (iCorsa Utility bakkie) ecaleni komgaqo i-R61 kufutshane nendawo yakwaKwaDosi eMthatha. UMasixole wabanjwa ngomhla wokuqala (1) kwinyanga yoMdumba ka-2024 waza wavuma ukuba wenze ezo zenzo zolwaphulo-mthetho kunye nomntu awayehamba naye, owathi kamva wabulawa lihlokondiba elinomsindo eMthatha Slovo Park ngenyanga yoMqungu ka-2025, ngaphambi kokuba abanjwe. Ukuvuma kunye nokukhomba kwakhokelela ekufumaneni isidumbu sexhoba eliyindoda eliswelekileyo eNgqeleni kunye nezinto ezibiweyo eMthatha Slovo Park.
Ukuvela kwakhe okokuqala enkundleni ePort St Johns kwakungomhla wesibini (02) kuCanzibe ka-2024, apho wayalelwa khona ibheyile. Eli tyala kamva ladluliselwa kwiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha, apho wavela khona okokuqala ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kuCanzibe ngo-2024 waza wagwetywa ngoLwesine, umhla weshumi elinesibini (12) kweyoKwindla ngo-2026, iminyaka elikhulu elinamashumi amahlanu anesibini (152) entolongweni, eya kuqhuba kunye nesigwebo sobomi bonke sokubulala.

