19 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

Ingozi nesibe imiphefumlo emithandathu(6) kude kufuphi eMtata

Ngabantu abathandathu(6) abaphulukene nobomi babo ngelixa bebathathu(3) abafumene umonzakalo ngeendlela ezahlukeneyo.

Oku emva kokuba iimoto ezimbini zingquzulene okwenkunzi zegusha kuhola wendlela uN2 eMthatha kude kufuphi naseSibangweni xa usiya kuQumbu.

Ngokwengxelo yeSebe lezothutho ePhondweni, esisehlo senzeke ngeCawa umhla we(14.05.2023) kuhola wendlela uN2 eMthatha malunga nentsimbi yesibini(14H00) emva kwemini.

Zombini ezi zithuthi bezisuka kumacala ohlukeneyo, isisithuthi sohlobo lwe(Toyota Quantum) inabantu abathathu besuka eMthatha, ngelixa iToyota Quantum inabathandathu bebesuka kuQumbu.

Zombini ezi zithuthi zingqubane ngentloko kubahlali abathandathu beswelekile kwindawo yexhwayelo, omnye umqhubi osuka kwesinye isithuthi saseMthatha, abakhweli aba-5 besuka kwenye imoto, amadoda ama-4 omnye obhinqileyo ebonke.

Abathathu bonzakele omnye umqhubi weToyota Quantum ebisuka kuQumbu walathisa abantu ababini abasuka eMthatha.

Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele iNelson Mandela Academic ukuze bafumane ulawulo oluthe kratya kwisithili saseMthatha O R Tambo.

Iimeko ezingqonge unobangela wengozi azikaziwa okwangoku nanjengoko indawo isephantsi kophando ngamagunya ohlukeneyo eSebe lezoThutho lePhondo le-SAPS.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe eLibode Saps ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19 ° C
19 °
19 °
61 %
2.8kmh
11 %
Sat
18 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks