Lingcwatyiwe iPolisa laseNgqamakhwe

Inkonzo yesipolisa yeli loMzantsi Afrika inike imbeko yokugqibela kwipolisa elathi laswelekela enkomeni uSergean Lwando Lawrence Bunga kwilali yaseNqancule eNgqamakhwe kweliphondo leMpuma Koloni. Loka Bunga wathi wasweleka emva kodubulwano olwaluphakathi kwamapolosa kunye nonqevu ngalomhla ungasentla uchaziweyo. uBunga wadubuleka kunye nonogada wenkampani yakwa Fedility emva kokusabela ikhwelo lohlangulo lwemoto yemali yakwaFedility eWest Bank eMonti.

Usekela mphathiswa wamapolisa uMathale kunye noMkomishinala wephondo leMpuma Koloni uNjengele Nomthetheleli Mene bathe babangabanye babantu ebebezimase lenkonzo yomngcwabo nokuyovala ifayile kaBunga ngokusesikweni. Ukanti ngexesha ethetha uMkomishinala uMene uchaze uba lokaBunga ebekwicandelo likaPublic Order Police Unit kwaye ebengumntu obewuthanda umsebenzi wakhe ethobekile, ukwabulele izihlobo zakhe ngokumkhulisa kakuhle ngokujonga uhlobo lomsebenzi wabo bengamapolisa kwelilizwe awukho lula ugutyungelwe lilifu elimnyama ngenxa yolwaphulo mthetho.

Uqhube wathi qho xabevuka bayathandaza ukuze uBawo abakhusele, into ebuhlungu baphulukana nabantu abatsha abazinikeleyo emsebenzini. Uthi baphulukana namalungu esipolisa nje ngexesha elincinane, uqhube wathi kuyabonakala uba inkonzo yesipolisa iphantsi kohlaselo kwaye eyonanto ebuhlungu bahlaselwa kwangaba bantu abacingela uba bayabakhusela kodwa abazuphela mandla.

Usekela mphathiswa uMathale ukwachaze uba bebegqiba kungcwaba elinye lamalungu alenkonzo ngolwesihlanu eGqeberha esithi ubabeka emthandazweni nabo ukuze baphole. Ukwadlulise naye amazwi entuthuzelo kolusapho lakwaBunga esithi ukufa kubathathele oyenamntu obeliqhawe, umemelele kubahlali uba basebwnzisane nenkonzo yesipolisa ukulwa ulwaphulo mthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA