Home Iindaba Ingqina lekomishini kaMadlanga elaziwa ngoWitness-C lithi uMatlala wanika uSibiya izigidi zemali kunye...

Ingqina lekomishini kaMadlanga elaziwa ngoWitness-C lithi uMatlala wanika uSibiya izigidi zemali kunye nee-Iimpala ezingamashumi amabini (20)

By Sophumelela Singqotha

Othyonlwa ngokuba yinjinga yezaphuli-mthetho uVusimuzi “Cat” Matlala uxelele ingqina C ukuba usekela-mkomishinala wamapolisa onqunyanyisiweyo uShadrack Sibiya wayeyithanda kakhulu imali kwaye ebanga ukuba wampha izipho.

Ingqina C lixelele le komishoni ukuba usomashishini uMatlala waphalaza imbilini yakhe kuye malunga nothotho lweentlawulo zemali kunye nezipho ezingaqhelekanga ekutyholwa ukuba zenziwe nguSibiya ukuze afumane impembelelo kunye noncedo kwi South African Police Service (SAPS).

Ngokutsho kwengqina C, uMatlala uthi uSibiya wakha wamcela ukuba ashiye imali emgqomeni ukuze imncede ekusombululeni iingxaki zakhe zokufikelela kwikliniki yamapolisa.

Isixa-mali asichazwanga.

Kwinyanga eyoMqungu ka-2025, uMatlala kutyholwa ukuba wazisa imali ezizigidi ezi-R2 kuSibiya ukuze athenge isiza (esingachazwanga apho) esasilungiselelwe ishishini lwendlu yokuchitha ubusuku (bed and breakfast).

Le mali yaziswa kwindawo yakwaSibiya esesangweni eSandton.

Kwesinye isiganeko semali, uSibiya kutyholwa ukuba uyalele uMatlala ukuba abeke imali eku makhulu amabini amawaka (R200 000) kumgqomo wothuli ukuze iqokelelwe. Oku bekuseofisini yakhe ePitoli.

Ngexesha lengxelo, iNgqina C libonise ukuba bakwiphulo lokuhlalutya iingxelo zebhanki zikaMatlala, lichaza ukuba “uMatlala uneeakhawunti ezininzi zebhanki.”

Ingqina C liqhube lathi akanakuqinisekisa ukuba ifunyenwe imifanekiso yeCCTV ebonisa uSibiya eqokelela le mali.

Wongeze, ukuba indawo igutyungelwe ziikhamera zokucupha, ubungqina obunjalo kufuneka bubekhona.

Nangona wayeyifumene imali, uMatlala waxelela iNgqina C ukuba wanikezela ngee-impala ezingamashumi amabini (20) ukuze kusetyenziswe indawo kaSibiya.

Kamva ezi zilwanyana zafa, nto leyo eyabangela ukuba iNgqina C liqhule ngelithi mhlawumbi “iimpala zazingamthandi uSibiya.”

INgqina C liphinde langqina ukuba uMatlala uthi wanika uSibiya amakhulu amathathu amawaka erandi (R300,000) ukuze afake isandla kumsitho womtshato wonyana kaSibiya.

Ngaphandle kokufumana imali kwi-akhawunti yebhanki yakwa-Absa, le komishoni ikwave ukuba uMatlala ukhankanya ukhutshelwa kwemali kwiakhawunti yeshishini lakwaFNB edibene noSajini F. Nkosi, osebenza kwicandelo lesizwe lolwaphulo-mthetho oluququzelelweyo phantsi kukaSibiya.

Ingqina lithi ezi ntlawulo zayamene nezityholo zokuzama ukunyotywa kwabarhanelwa kwityala lokubulala uArmand Swart ukuze bafumane ibheyile.

Esongeza kwizityholo, ingqina C lithe uMatlala udize ukuba bobabini uSibiya kunye nentloko yeeHawks eKZN uMaj-Gen. U-Lesetja Senona ufumene iimbuyekezo zezigidi zeerandi kwikhontrakthi yeenkonzo zempilo ye-SAPS ye-R1.2 yebhiliyoni.

UMatlala kutyholwa ukuba wagcina i-R360 yezigidi zeerandi kwisivumelwano emva kokuba uSibiya noSenona bemncedile ukuba asifumane.

INgqina C likwafake nemiyalezo kaWhatsApp ekuthiwa ibonisa unxibelelwano oluthe ngqo phakathi kukaMatlala, uSenona nabanye malunga neentlawulo zekhontrakthi kunye nokuthengiswa kwempahla.

Kusenjalo, iNgqina lithi uMatlala uvakalise ukudana ngakuSibiya.

Emva kogqogqo ngomhla weSixhenxe kweyoMnga, uMatlala waqinisekiswa ukuba nawaphi na amanyathelo e-SAPS okanye uphando oluqhubekayo olujolise kuye aluyi kuthatha hlangothi.

Nangona kunjalo, uMatlala kamva wathi ngaphandle kwezi ziqinisekiso, uphando lwamapolisa lusaqhubeka.

Ucacisile ukuba, ukuze akhuseleke, ukhethe ukuyigcina inkangeleko yentsebenziswano noSibiya – esoyikela ukuba ukuba kuthe kwaziwa ukuba akasahambelani naye, oko kungaphulukana nobomi bakhe.

Ingqina libuqukumbele ubungqina balo .

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks