Iqela leMK libhengeza utshintsho oluninzi kwi-Caucus yalo yobunkokeli

Iqela le-Umkhonto Wesizwe (MK) liphinde labhengeza utshintsho oluninzi kwi-caucus yalo yobunkokeli ngokuhlwa kwangoLwesibini umhla wesine (4) kweyeThupha.

Iqela limgxothile uNkosinathi Nhleko njengosihlalo walo kazwelonke laza lamthatha uMfundisi Phakathi.

UJohn Hlophe naye ukhululwe kwimisebenzi yakhe njengosekela mongameli wokuqala weqela, nangona kunjalo useyinkokeli yepalamente ye-MK.

UHlophe uza kutshintshwa nguDuduzane Zuma, unyana womongameli weqela uJacob Zuma.

Iqela le-MK likwakhuphe uNomsa Dlamini kwisikhundla sakhe njengosekela mongameli wesibini, lathatha Lindiwe Mtshali ukuvaka lmesosikhewu sakhe.

Isithethi se-MK Party uSifiso Mahlangu uthe, “UMongameli ubiza onke amalungu, iinkokheli kunye nezakhiwo ze-MK Party ukuba zimanyane emva kwezi zigqibo kwaye ziqhubeke nokusebenza kunye ukwakha umbutho oqeqeshwe kakuhle, omanyeneyo nosebenzayo ekukhonzeni abantu baseMzantsi Afrika.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.7 ° C
12.7 °
12.7 °
87 %
0.5kmh
100 %
Fri
18 °
Sat
26 °
Sun
13 °
Mon
10 °
Tue
11 °

EZITHANDWAYO INDABA