By Asemahle Mbete.
ISebe lezoThutho KwaZulu-Natal liqalise uphando ngengozi yebhasi ethe yasuba imiphefumlo yabalandeli abalishumi elinesibini be-Economic Freedom Fighters (EFF).
Kuhola wendlela uR34 ngaseVryheid ngobusku bangoMvulo, iloli itshayise ibhasi ebikhwele aba balandeli beqela leEFF. Le ngozi ishiye ifuthe elibi kuhola wendlela uR34, nto leyo enyanzelise ukuvalwa kwendlela.
Njengoko iinkonzo zikaxakeka zisebenza kwindawo yengozi, umnqwazi we-EFF ovela kwelinye lamaxhoba
Ukuzakuth ga ngoku abantu abaqinisekisiweyo ukuba babhubhile balishumi elinesibini (12), abanye abalishumi (10) bonzekele kakhulu, abangamashumi amabini anesibini (22) bonzakala kancinci, isithandathu (6) ebesikhwele kwiloli sasinda singenawo nomonzakalo.