15.1 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

Ityala likaMalema lokusebenzisa umpu eMdantsane liya qhuba eMonti.

Uzakuvela okwesibini namhlanje enkundleni yamatyala uMalema ngezityholo zokudubula ngompu esidlangalaleni.

Ityala lokusebenzisa umpu lenkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema, liyaqhuba ngoLwesine kwinkundla kamantyi waseMonti apho umtshutshisi wombuso kulindeleke ukuba ahlohle uMalema ngemibuzo.

UMalema uthathe eli nyathelo okokuqala izolo okoko ityala laqala kwiminyaka emihlanu edlulileyo ukunika ubungqina bakhe.

Uxelele inkundla ukuba umpu awawukhuphayo kumbhiyozo weminyaka emihlanu yombutho owawubanjelwe eSisa Dukashe Stadium ngo-2018 yayingumpu wokudlala. UMalema kunye nalowo atyholwa naye uAdriaan Snyman bajongene nezityholo zokukhupha umpu kunye nokubeka abantu esichengeni.

UMalema uthe nangona bebaninzi abantu abakhoyo kuqukwa nabezomthetho, urhulumente woyisakele ukuzisa nokuba mnye umntu oza kunika ubungqina ngalo mpu.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
15.1 ° C
15.1 °
15.1 °
57 %
5.2kmh
98 %
Thu
15 °
Fri
16 °
Sat
34 °
Sun
25 °
Mon
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks