Ligatyana lomfana oneneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe(27) ubudala, obeve kancinci kwinkundla kamantyi yasePeddie izolo (28/12), emva kokuba ibekwe ityala lokubulala nokudlwengula umakazi wakhe ngoSuku lweKrisimesi.
Sithetha nje lomfana useluvalelweni lwamapolisa kwaye okwangoku ityala lihlehliselwe uLwesine umhla we-4 kuJanuwari 2024, ukuze afake isicelo sebheyile.
Ngokwengxelo yenkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, kutyholwa ukuba nge25 kaDisemba 2023, malunga nentsimbi yeshumi(10:00) amapolisa afumana isikhalazo sokubulawa komtu kwindlu yaseRura ePeddie.
Umzimba wexhegokazi ufunyenwe uze ulele ebhedini ubotshelelwe ngentambo yombane emqaleni. Inkosikazi ebhubhileyo ichazwe kamva njengoSomikazi Ngalonkulu (67).
ICandelo loKhuseleko lwaBantwana noLwaphulo-mthetho ngokweSondo (FCS) libambe umrhanelwa lo uzalana nowasetyhini obhubhileyo.
UMkomishinala wePhondo, uLt General Nomthetheleli Mene udlulise amazwi ovelwano olunzulu kusapho lwexhegokazi.

