Kugetyengwe ngokumasikizi inkondekazi yase Rura, EQolweni, eNgqushwa sisizalwane sange ngosuku lwe Krismesi

Umphathiswa wesebe loPhuhliso lwentlalo uBukiwe Fanta kwakunye noSodolophu womaspala waseNgqushwa uSanga Maneli namhlanje kulindeleke ukuba bandwendwele usapho lakwa Ngalonkulu eRura, EQolweni kwidolophu yase Ngqushwa.

Oku kuza emva kokuba olusapho lehlelwe sisithwakumbe sokubulawelwa inkondekazi eneminyaka engama 67 ubudala. Kutyholwa ukuba uSomikazi Ngalonkulu obehlala yedwa, ubulewe sisihlobo sakhe esiyindoda esineminyaka engama 29 ubudala ngemini ye Krismesi, ze umzimba wakhe wafunyanwa ngomhla wama 26 ku December kulo umiyo.

Otshantliziyo elilwela amalungelo abantwana nabasetyhini ophuma kwi Kula Development Project uPetros Majola uthe uyavakala umnqamtsa kwelidabi. “Masiphakameni sinqande, umzali ngamnye makajonge izimilo zabakhe abantwana, ukuze siloyise elidabi.”

“Omnye usenokungavumelani nam, kuba mna ndiye ndifumane amandla xa ndibona u Rhulumente we Phondo ezama, kaloku sincedisana sonke ekukhangeleni amacebo okulwa nalomkhuba ŵokuphathwa gadalala komama nabantwana.” Ulebele watsho uMajola

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
87 %
3.6kmh
27 %
Fri
20 °
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA