By Anita Qubula
IVele kwiNkundla kaMantyi kuCentane namhlanje umhla wesitahndathu (06) kweyoMqungu indoda eneminyaka engamashumi amathathu anethoba (39) ubudala ngezityholo zokudlwengula umkhwetha kwilali yakuCentane.
Unobangela wokumiswa kwesicelo sebheyili kukuba belingekho igqwetha lomtyholwa.
Ukanti umama wexhoba uthi nangona esazi ukuba liyeza ixesha lokubizwa yinkundla xa selugqityiwe uphando, kodwa akakwazi kuhlala endlini ufuna kukhawuleziswe ubulungisa ngakumntwanakhe. Uthi akazokuphela mandla uzakuquqa kulenkundla de kugqitywe

