Inkokheli yeqela lezopolitiko iATM uVuyo Zungula ubhale incwadi encinci, ehlalutya kwiingcinga zakhe malunga neemeko ezigqonge uluntu loMzantsi Afrika ukusuka kwiminyaka yamandulo ukuzothi ga ngoku. Kulencwadi nevakala ukuba ibhalwe phantsi kwengcinga ezinzulu ngelilizwe, uVuyo uchaza ixesha apho iAfrika yayiphantsi kobuKolonika isithuba seminyaka engaphaya kwamakhulu amathathu(300)
Xesha elo umtu omnyama wayelwela isidima sakhe kwakunye nekamva eliqaqambileyo ngaphandle kwempembelelo zangaphandle.
“Owona mlo weloxesha okanye izizathu zobuKolonika yayilidabi lemihlaba ntoleyo esengumlo nanamhlanje” tshilo uVuyo.
Ngethamsanqa singavuma sithi oko kwenzeka kodwa uMgaqo siseko weli wenzelwa elaxesha lamanduli hayi eli uMzantsi Afrika akulo ngoku. UMgaqo seseko okhoyo ubonakala uneempembelelo zangaphandle ingakumbi xa uthe ntsho kwezopolitiko.
Uluntu loMzantsi Afrika lwayifumana inkululeko eyayilwela kodwa lenkululeko ingajongwa ngezihlandlo ezimbini. Okukuqala kukuba uMzantsi Afrika wabona utshintsho kucalucalulo lukaRhulumente wengcinezelo ukuya kuMzantsi Afrika omtsha “okhululekileyo”. Nangona kunjalo inkululeko iye yahlulwa yangamacandelo amabini iyinkululeko yezobupolitika nenkululeko yezoqoqosho.
Abanye baye bawuqhubela phambili umba wokuba ngo1994, uMzantsi Afrika wawuphumelela ngokusemthethweni umzabalazo wenkululeko yezobupolitika kodwa awuzange usebenze ncam. Oku kungenxa yokuba abemi boMzantsi Afrika baye bayibona inkululeko yezopolitiko iyimpumelelo kuba kwapasa ilungelo lokuvota.
UVuyo uthi inkululeko yezobupolitika intsonkothe ngakumbi kunoko. Inkululeko yezobupolitika ifanele iquke ilungelo lokumisela ikamva likabani nelungelo lokumisela uMgaqo-siseko nemigaqo-nkqubo, engenazo iingcinezelo nempembelelo yangaphandle. Umzekelo ophilayo iselidabi lemihlaba noluntu okusalwela ukuba ibuyiselwe kubo kodwa uRhulumente ophetheyo uyoyisaka ukwenza oko kuba esoyika iimpembelelo zangaphandle nezinoba nemiphumela ephazamisayo kwezoqoqosho ngexa yabo bathatha izigqibo ngeli kurhwebo kumazwe angaphandle.
Uqhube ngelithi, kufuneka uMgaqo siseko oxabisa kwaye uxhase amaAfrika. Ezona zindululo zingxamisekileyo xa kunolungiswa lomgaqo siseko kubandakanya ilungelo lokuba ibengummi woMzantsi Afrika okanye lowo unomnombo wabemi boMzantsi Afrika abanokuvumeleka uba afumane isikhundla sikaRhulumente kuthintwelwe abangaphandle abangenazo izinyanya zeli.
Kwezinye iinguqu ezichaphazelwe yilenkokheli kukubuyiselwa komhlaba woluntu lweli ukusesela mhla kwafika uJan Van Riebeek ngo1652.
Elinqaku lisaqhuba…
