Iza kuba namalungu angama-31 ikomiti yokugxotha ePalamente

Amaqela ezopolitiko ePalamente acelwe ukuba angenise amagama amalungu awo aza kusebenza kwiKomiti yokuGxotha kwibholo lakuPhala Phala.

Oku kwenzeka, njengoko iPalamente iqalisa amanyathelo ewachazileyo okumisela le komiti.

Ukusekwa kubangelwa sisigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko ngoLwesihlanu odlulileyo.

Inkundla igqibe kwelokuba iPalamente mayimisele iKomiti yokuGxotha ukuze uMongameli uCyril Ramaphosa aphendule ubungqina bokuqala malunga nemali yangaphandle eyebiwe kwifama yakhe iPhala Phala ngo-2020.

USomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe uThoko Didiza udibene nabaphathi beekomiti ezahlukeneyo zezopolitiko ngoLwesithathu umhla weshumi elinesithathu (13) kuCanzibe malunga nokwakhiwa kwekomiti.

Isithethi sePalamente, uMoloto Mothapo uthi, “Emva kwezi ngxoxo, amaqela ezopolitiko aza kucelwa ukuba angenise amagama amalungu aza kusebenza kwikomiti kwiSebe leMicimbi yoWiso-mthetho yeSizwe ekupheleni komsebenzi ngoLwesihlanu, umhla wamashumi amabini anesibini (22) kuCanzibe.

Ukanti ekumiseleni ukwakhiwa kweKomiti yokuGxotha, uSomlomo akaqwalaselanga nje kuphela umgaqo-siseko wokumelwa ngokulinganayo, kodwa kunye nesidingo sokubandakanywa kunye nokuthatha inxaxheba ngokubanzi kule nkqubo yepalamente ingazange ibonwe ngaphambili.”

Le komiti iza kuba namalungu engamashumi amathathu ananye (31).

I-African National Congress izakuba namalungu alithoba (9), i-Democratic Alliance ibe namalungu amahlanu (5), logama uMkhonto weSizwe Party uzakumelwa ngamathathu kunye ne-Economic Freedom Fighters namalungu amabini (2).

Kuza kubakho ilungu elinye kwiqela ngalinye:

I-Inkatha Freedom Party, i-Patriotic Alliance, i-Freedom Front Plus, i-ActionSA, i-African Christian Democratic Party, i-United Democratic Movement, i-Rise Mzansi, i-Build One South Africa, i-African Transformation Movement, i-Al Jama-ah, i-National Coloured Congress kunye ne-United Africans Transformation.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
18.4 ° C
18.4 °
18.4 °
41 %
1.3kmh
62 %
Thu
20 °
Fri
21 °
Sat
22 °
Sun
28 °
Mon
22 °

EZITHANDWAYO INDABA