Kubanjwe isibini esityholwa ngokubulala umakhulu abamtyhola ngobugqwirha

Inkonzo yesipolisa oMzantsi Afrika eMpuma Koloni ibambe abarhanelwa ababini mgokuphathelele kwityala lokubulala elijoliswe kubulungisa beqela labantu ababandakanyekayo, emva kokubulawa kabuhlungu kwenkondekazi eneminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu (75) ubudala eNgcobo,

Ngokutsho kwesithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana, esi siganeko senzeke eZadungeni, eLuthuthu, apho uNokhansala Sidiki athe wabulawa ngentsasa YangeCawaumhlaweshumielinesixhenxe (17) kuCanzibe.

“Ibhinqa elineminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala kunye nebhinqa elineminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala ngoku baselugcinweni lwamapolisa,” utshilo, wongeza ukuba kusaza kubanjwa abanye.

Uphando luyaqhubeka,” utshilo.

UGantana ngaphambili uthe uSidiki utyholwa ngobugqwirha, wahlaselwa ngeplanga, waza emva koko warhaxwa. “Umzimba wakhe ufunyenwe uze ecaleni komlambo unemivumbo entloko nasebusweni, kunye namabala okukrwitshwa entanyeni.”

Nabani na onolwazi angaqhagamshelana neCrime Stop ku-08600 10111 okanye axele ngokungaziwa nge-app yeMySAPS. Lonke ulwazi luya kuphathwa ngasese.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
15.7 ° C
15.7 °
15.7 °
89 %
1.3kmh
100 %
Tue
17 °
Wed
22 °
Thu
27 °
Fri
24 °
Sat
21 °

EZITHANDWAYO INDABA