Ibutho lookhetshe KuGompo lifuna uncedo ngokukhawuleza kuluntu ekukhangelenu owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala onxulumene nophando oluqhubekayo lokurhweba ngabantu kunye nokuxhaphazwa ngokwesondo ngorhwebo.
Isithethi seHawks uWarrant Officer uNdiphiwe Mhlakuvana sithi uYonela Sapepa ukholelwa ukuba unolwazi olunokunceda abaphandi abaphanda uthungelwano lolwaphulo-mthetho olutyholwa ngokusebenza eMpuma Koloni.
Uthi kuthiwa wabonwa okokugqibela kwiindawo ezahlukeneyo kweli phondo, egxininisa KuGompo, eMthatha kunye naseGqeberha.
UMhlakuvana uthi uSapepa unokunceda abaphandi ekutyhileni iinkalo ezibalulekileyo zophando kunye nokuqhubela phambili ukufuna ubulungisa kumaxhoba anokuba angachaphazeleka yinkqubo yolwaphulo-mthetho ephandwayo
Ukanti amalungu oluntu, izalamane, amaqabane, kunye nabani na onolwazi malunga nokuba uphi na bayakhuthazwa ukuba basebenzisane nabasemagunyeni bomthetho.
Nabani na onolwazi oluthembekileyo malunga nokuba uSapepa uphi uyacelwa ukuba aqhagamshelane ngokukhawuleza namagosa aphandayo, uLieutenant Colonel Nangamso Ndawule ku-071 351 7386 kunye noSajini Mluleki Dibela ku-082 779 7134
IiHawks zimbongoza ukuba avele kwisikhululo samapolisa esikufutshane okanye aqhagamshelane ngqo nabaphandi.
Algoa FM News

