UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana uliqhwabele izandla iQela le-Tactical Response Team (TRT) kwisithili ngokuzibophelela ekulweni ulwaphulo-mthetho nokubamba umrhanelwa oyindoda oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) ubudala enemipu engekho mthethweni.
Amapolisa afumene le ndawo yokugcina izixhobo kwingingqi yaseNgonya, kwingingqi yoLawulo yaseNgcwanguba Kwaaiman ngaphandle kwaseMqanduli ngoLwesine, umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyoMqungu 2025, malunga nentsimbi yesithandathu (18:00).
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) ubudala uye wabanjwa ukuze ancinwe malunga nezenzo zolwaphulo-mthetho kwindawo yakhe, ubonwe eqhuba iveni yohlobo lweToyota. Uphando olunzulu lukhokelele amapolisa kwikhaya lakhe elikwingingqi yaseNgonya apho kufunyenwe khona imipu kunye neembumbulu.
Phakathi kwemipu efunyenweyo ngaphandle kwelayisenisi, yonke lemipu ibingenazo iinombolo zezi; I-R5 Rifle, i-AK 47, i-shotgun, i-pistol kunye ne-.38 Revolver kunye neemagazini eziyi-05 X R5, imagazini i-01 X AK 47, imagazini ye-01 ye-X pistol kunye nentaphane yeembumbulu kunye nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe.
Umrhanelwa uye wabanjwa wabekwa ityala lokufunyanwa nemipu engagunyaziswanga kunye neembumbulu kunye nokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe. Uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseMqanduli ngoLwesihlanu umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoMqungu 2025.
UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo uMaj Gen Modishana uphinde wagxininisa ukuba amapolisa aya kuthi gqolo ephumeza isigunyaziso sawo sokuthintela, ukuphanda ulwaphulo-mthetho kunye nokuzisa bonke abenzi bobubi phambi kwenkundla.
“Akukho litye singazuliguqula ukulwa ulwaphulomthetho njengoko sisebenza nzima ukuze lonke uluntu lwesithili lukhuseleke,” uvale ngalo mazwi.




