14.3 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Kubanjwe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo ubudala enompu ongenampepha.

By Asipile Kitchen.

IQela leSithili sase-OR Tambo, elisebenza ukusuka eSajonisi ukuya eFlagstaff, libambe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala ngeCawe umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kuCanzibe 2025 malunga nemizuzu engamashumi amane emveni kwentsimbi yamashumi amabini (20:40) ngokufunyanwa nompu ongekho mthethweni we-9mm oneembumbulu.

Oku kubanjwa kwenzeke ngethuba kuvaliwe uhola wendlela uR61 phakathi kweLusikisiki neSajonisi.

Ekuhanjisweni kwenombolo yesazisi sompu, kwafunyaniswa ukuba iyanyaniswa netyala elibikwe kwiSikhululo samaPolisa eMgungundlovu KwaZulu-Natal. UMpu uya kuvavanywa ukuze kubonwe ukuba ngaba ukhe wasetyenziswa na kuzo naziphi na izenzo zolwaphulo-mthetho.

Umrhanelwa ubekwe ityala lokufunyanwa nompu kunye neembumbulu ngaphandle kwelayisenisi. Uvele phambi kweNkundla kaMantyi eLusikisiki ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kuCanzibe 2025, apho ethe wafumana ibheyile. Ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinesithathu (13) kweyeDwarha 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome amagosa asebupoliseni ngokuzinikela nokuzibophelela ekulweni ulwaphulo-mthetho nokubuyisela imipu engekho mthethweni, esoloko isetyenziswa kulwaphulo-mthetho olumandundu nolunobundlobongela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
54 %
4.6kmh
11 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks