Balaliswe esibhedlele abantu abathathu emva kokuba bewe nemoto kwiBhulorho yaseTarget Kloof.

By Asemahle Mbete.

Abahlali abathathu baseGqeberha bangeniswe esibhedlele ngentsasa yangoLwesibini emva kwengozi yemoto yabo kwibhulorho iKloof.

INgqonyela yezeNdlela kuMasipala iNelson Mandela Bay uWarren Prins uthi sinye kuphela isithuthi esithe sabandakanyeka kule ngozi.

“Kurhaneleka ukuba isithuthi besihamba sisehlisa iTarget Kloof, waze umqhubi wohluleka ukuyilawula, wabetha umqobo waphelela emanzini.

“Umntu omnye usiwe kwisibhedlele iLivingstone yi-Metro Ambulance ze ababini bathathwa yiGardmed Ambulance basiwa kwiSibhedlele iSt George’s.”

Ngokwengxelo engekaqinisekiswa, le moto ibiqhutywa yindoda ebithatha oonyana bayo ababini esikolweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA