Kubanjwe urhanelwa wesibini ngokunxulumene nokubulala okuninzi eKariega

Uphando oluqhubekayo lweqela le-Nelson Mandela Bay District Detective Intervention Task Team malunga nothotho lokubulala kunye nokunyamalala kwabantu lubangele ukubanjwa komrhanelwa wesibini.

Umrhanelwa wasetyhini ubanjwe ngoLwesithathu, umhla wokuqala (1) kweyeKhala, kwaye kulindeleke ukuba avele kwiNkundla kaMantyi yaseKariega ngoLwesihlanu, umhla wesithathu (3), ngezityholo ezinxulumene nokubulala okuninzi okwenziwe eKariega nakwiindawo ezikufutshane.

Umrhanelwa unxulunyaniswa nokunyamalala kunye nokubulawa kukaLoay Khayat, owabikwa ukuba ulahlekile eKariega ngenyanga yeThupha ka 2025. Unxulunyaniswa ngakumbi nokubulawa kabini kuka-Earl Classen noClarissa Swart eKariega ngenyanga yoMsintsi ka-2021, kunye nokubulawa kabini kuka-Isaac Moses noMerlyn Elkenstead eKamesh ngoTshazimpuzi ka 2022.

Olu phando lukwayinxalenye yophando olubanzi malunga nokunyamalala kukaQuinton Plaatjies, okwaziwa ngokuba ngu-“Doenas”, owaxelwa ukubalahlekile kwinkonzo yamapolisa yaseBethelsdorp ngo-2020.

Ngexesha lokuvela kwakhe enkundleni ngoLwesihlanu, umhla wesithathu (3) kweyeKhala ka-2026, eli tyala liza kubuyiselwa kumhla weshumi elinesixhenxe (17) kwakulenyanga, apho kulindeleke ukuba avele kunye nomtyholwa wakhe, uDonovan Williams, okwaziwa ngokuba ngu-“Poenie”.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
42 %
2.5kmh
100 %
Fri
16 °
Sat
18 °
Sun
22 °
Mon
22 °
Tue
26 °

EZITHANDWAYO INDABA