Kudutyulwe kwabulawa indoda ihleli kwigaraji yomhlobo wayo eGqeberha

Amapolisa aseNew Brighton eGqeberha akhangela ulwazi olunokunceda kuphando lokubulala kunye nokuzama ukubulala okwenzeke kwisitalato iModuka.

Amapolisa athi indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala yenzakele kakhulu, ngelixa omnye umntu efumene amanxeba okudutyulwa kolu hlaselo emva kwemini ngoLwesihlanu umhlawesithathu(3) kweyeKhala.

Isithethi samapolisa, uBrigadier Nobuntu, uthe umfi ubtyelele umhlobo wakhe kwaye ubehleli kwisitulo sebhari egaraji xa abarhanelwa abangaziwayo basondela baza bavulalela ngeembumbulu ngaphambi kokuba babaleke ngeenyawo.

“Ixhoba lifumene amanxeba amaninzi okudutyulwa emzimbeni walo ophezulu nasebusweni kwaye kwathiwa libhubhele kwindawo yesiganeko.

“Ixhoba lesibini lifumene amanxeba okudutyulwa engalweni yalo yasekhohlo laza lathuthwa laya eSibhedlele saseLivingstone ngemoto yabucala ukuze lifumane unyango.

UGantana uthe isizathu sohlaselo asaziwa kwaye akukho mntu ubanjiweyo.

Ityala lokubulala kunye nokuzama ukubulala liyaphandwa.

“Nabani na onokuba usibonile esi siganeko okanye onolwazi olunokunceda abaphandi ekulandeleni abarhanelwa uyacelwa ukuba aqhagamshelane negosa eliphandayo, uKapteni Snayders, ku-082 303 1029.

“Ulwazi lunganikezelwa ngokungaziwa ngenombolo yeCrime Stop engu-08600 10111 okanye ngeMySAPS App. Lonke ulwazi luza kuphathwa ngemfihlo engqongqo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
58 %
1.2kmh
100 %
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
22 °
Mon
22 °
Tue
26 °

EZITHANDWAYO INDABA