Kubhubhe abantu abathathu kumlilo wase-eGarden Route National Park.

Abantu abathathu (3) baphulukene nobomi babo emva kokutsha kwendlu yokukhonzela eTree Top Chalet, eKnysna kwiGarden Route National Park.

ISithethi se-South African National Parks (SANParks), uJP Louw, uthi le ndlwana ichaphazelekileyo itshe yangqongqa.

ULouw uthi iingxelo zokubhukisha zibonisa ukuba amaxhoba omlilo wangoLwesine ophelileyo aquka abasebenzi ababini (2) beSANParks.

Uthe, lo mba uphantsi kophando lwamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) ukuze kufunyaniswe unobangela womlilo kwanokujongwa ngokusesikweni kwabantu abathe baphulukana nobomi babo.

Wongeze ngelithi iirekhodi zokubhukisha zibonisa ukuba abantu ebe bengamaxhoba omlilo ngabasebenzi ababini beSANParks kunye nomnye ongengowakwa-SANParks. I-SANParks icela uvakalelo ukuze kuvunyelwe iinkqubo zamapolisa zisebenze.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
13.7 ° C
13.7 °
13.7 °
88 %
4kmh
38 %
Fri
13 °
Sat
26 °
Sun
14 °
Mon
11 °
Tue
11 °

EZITHANDWAYO INDABA