Kubhubhe indoda enye kwangxwelerheka amabini emva kokuhlaselwa ngabahlali ababatyhola ngobusela

IKomishinala yeSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, ugxeke kakhulu ukubulawa kwendoda eneminyaka engamashumu amathathu (30) ubudala, kunye nokuhlaselwa nokutshiswa kwamaqabane ayo amabini, kwindawo yase-Empa kwiNdawo yoLawulo yaseQunu ngoLwesibini, umhla wesixhenxe (7) kuTshazimpuzi, malunga nemizuzu engamashumi amabini emva kwentsimbi yeshumi elinanye (11:20). Aba bathathu batyholwa ngokuba iintambo zombane.

Amapolisa axelelwe ngamasela abanjwe ngamalungu oluntu, onke ekholelwa ukuba aneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala, kwaye ekufikeni kwamapolisa, izidumbu ezintathu zazikufutshane nendlela, zonke zitshile. Omnye wayesele esweleke ngenxa yokwenzakala kwakhe ngelixa abanye ababini besaphila. Aba babini emva koko baphuthunyiswa esibhedlele esikufutshane. kungekho mntu woluntu ubonakalayo.

Amapolisa abongoza nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni nasekutshutshisweni ngempumelelo kwabenzi bobubi ukuba aqhagamshelane neNtloko yabacuphi bamapolisa aseBityi, uKapteni Mlilo ku: 0836886571 okanye inombolo yokunqanda ulwaphulo-mthetho ku-0860010111. Ulwazi olukwabelwana ngalo luya kugcinwa luyimfihlo kwaye imeko yokungaziwa iya kulandelwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
30.3 ° C
30.3 °
30.3 °
25 %
2.5kmh
84 %
Wed
31 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
24 °
Sun
26 °

EZITHANDWAYO INDABA