Umntu omnye uphulukene nobomi bakhe ngelixa omnye esinda engenawo nomonzakalo, emva kokuba iimoto ezimbini zingqubene, iToyota Quantum nelori eqinileyo zombini zingqubane ngentloko kuhola wendlela uN10 eMiddleburg umgama oyi-61 km ukuya eCradock.
Esi sehlo senzeke ngomhla wehumi elinesibhozo (18) kweyeDwarha 2024 malunga nexesha 06H45 kwindlela u-N10 eMiddleburg.
Zombini ezi zithuthi bezisuka kwelinye icala iToyota minbus isuka eCradock ikhwele inomqhubi kuphela ngelixa iLori nayo inomqhubi kuphela, esuka kwicala laseMiddleburg.
Zombini ezi zithuthi zingqubane ngentloko, kwaye umqhubi weToyota minbus wasweleka ngoko nangoko njengoko bekubhengezwe ziinkonzo zikaxakeka.
Umqhubi weloli ubaleke engenamonzakalo njengoko bekuzimase abasebenzi bexesha likaxakeka.
Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe eMiddleburg ukuze kuqhutyekwe nophando.