Kuqalisiwe uphando emva kokubhubha kwabakhwetha abangama-43 eMzantsi Afrika

IKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo eeNkcubeko, eeNkolo neeLwimi (iKhomishini yamaLungelo e-CRL) ivule uphando olusemthethweni kwizikolo zokwaluka ezingekho mthethweni emva kokusweleka kwabakhwetha abangamashumi amane anesithathu (43) kulo lonke elaseMzantsi Afrika ngexesha lokwaluka lasebusika.

NgoLwesibini umhla wamashumi amabini ananye (21) ikhomishini ibhengeze ukuba ivule uphando olusemthethweni ngokweCandelo lwesixhenze (Section 7) kwikomiti yophando ukuze ifumanise ukuba kutheni ukufa nokwenzakala okukhulu kuqhubeka.

Ikomiti ithe uphando luza emva kokukhathazeka okukhulu ngezikolo zokwaluka ezingekho mthethweni kunye namaqela olwaphulo-mthetho azuza kulo mkhwa ngokulahlekelwa bubomi babakhwetha.

Ngokwengxelo eboniswe yikhomishini, nantsi indlela amaphondo achaphazelekayo abhale ngayo okubhubha kwabakhwetha:

– Mpumalanga: 18;

– Mpuma Koloni: 14;

– Mntla Ntshona: 4;

– Limpopo: 3;

– eRhawutini: 2; kunye

– naseFreyistatha: 2.

Ikhomishini ikwachonge iMpumalanga, iRhawuti, iFreyistatha kunye neMntla Ntshona njengamaphondo apho imeko iba mandundu khona kwaye yathi inxalenye yophando iya kugxila ekuqondeni izizathu ezibangela ukwanda kokusweleka.

Kusenjalo ikomishini ithi imeko yangoku lityala kwiinkqubo zolawulo ezihlangeneyo kwaye ifuna ukungenelela okukhawulezileyo

Ikhomishini ithe iza kugxila kulwaphulo-mthetho, ukungakhathali kunye nokusilela kwabasemagunyeni ekunyanzeliseni umthetho, kwaye akufuneki kujongwe njengohlaselo kwiziko lenkcubeko lokwaluka okanye amasiko alo angcwele.

Yongeze ngelithi nangona uMthetho woKwaluka ngokweSiko ubonelela ngesakhelo esicacileyo somthetho, izikolo zokwaluka ezingekho mthethweni ziyaqhubeka nokuchuma ngenxa yokusilela kwenkqubo, uxanduva olubi kunye nokuthengiswa kwesi sithethe.

Ikhomishini ithe abaphandi baza kuhlola ukuba kutheni izikolo ezingekho mthethweni ziqhubeka nokusebenza.

“Izizathu eziqhelekileyo zokubhubha kwabakhwetha ziquka ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni okugqithisileyo, i-septicemia eqhubela phambili, usulelo olunganyangwanga, ukuvezwa kwiimeko zasebusika ezinzima kunye neengxaki ezivela ekwalukeni okungahambi kakuhle,” itsho ikhomishini.

Uphando lulandela iingxoxo zangaphambili phakathi kwekhomishini kunye namasebe karhulumente, iinkokheli zemveli, iingcali zempilo, iiarhente zokuqinisekisa umthetho kunye neentsapho ezichaphazelekileyo kukufa okunxulumene nokwaluka.

Esinye sezigqibo ezibalulekileyo kwezo ngxoxo yayikukuvala zonke izikolo zokwaluka ezingekho mthethweni ukukhusela ubomi nokugcina ingqibelelo yesithethe.

Ikhomishini icele intsebenziswano epheleleyo nophando oluvela kwiinkokheli zemveli, iikomiti zokulungelelanisa ukwaluka zephondo, iNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika, iGunya leSizwe loTshutshiso, iSebe lezeMpilo, abazali kunye namalungu oluntu.

I-TimesLIVE

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
16.9 ° C
16.9 °
16.9 °
31 %
1.4kmh
0 %
Wed
26 °
Thu
21 °
Fri
15 °
Sat
21 °
Sun
28 °

EZITHANDWAYO INDABA