14.3 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Kutshayiswe kwabulawa inkwenkwana eneminyaka eli-12 yabhubha eGqeberha

Amapolisa aseGqeberha aphanda ityala lokubulala ngokungenanjongo kunye nokuqhuba enxilile kulandela ingozi eyenzeke eWalmer ngentsasa yangeCawe umhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeKhala.

Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi malunga nemizuzu enagamashumi amabini anesihlanu emva kwentsibi yokuqala (01:25) ekuzeni-kusa umqhubi weKia Rio ugilene neVW Caddy, nowasetyhini kunye nonyana wakhe oneminyaka elishumi elinesibini (12).

Uthi le ngozi yenzeke kuMain Road eWalmer phakathi kwe-10th kunye ne-11th avenue.

Inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesibini (12) ubudala yasweleka ekufikeni kwayo esibhedlele kwaye umama wayo walaliswa ekwimeko emaxongo.

UJanse van Rensburg uthi umqhubi weKia naye ungeniswe esibhedlele enomonzakalo apho igazi lakhe lathathwa phambi kokuba avalelwe.

Igama lomfi alibhengezwanga ukunika imbeko kusapho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
54 %
4.6kmh
11 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks