18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Iinjinga zeCaf Champions ligi ngoku zifunjathiswa izigidi ezine zeUSD

Inyusiwe imali ezakuthi ifunyanwe ngamaqela ebhola ekhatywayo kwiCaf kunjalo nje loonto yenziwe nalapha kwipriliminary round into ethetha ukuba umongameli weCaf udokotela uPatrice Motsepe akoneli nje kukuthetha uyenza.

Amaqela adlala kweziprilimikary rounds nawo azakubhaqa kuba kuthethwa nganashumi amahlanu amawaka(50 000) eUSD iqela ngalinye.

IiPriliminary rounds ziqalile kule impelaveki nalapho iqela leStellies liphumelele libetha elaseEswatini ngamathathu eqandeni(3-0) yaze iOrlando Pirates yaziphoxa ngokudlala ntanganye neqela laseMadagascar ngeqanda macala(0-0) nangona ke phofu besenethuba lokulungisa izinto ekhaya kumlenze ozayo.

Umlenze wesibini wePriliminary round uzakuba ngempelaveki yomhla wamashumi amabini anesithathu(23) ukuya kumhla wamashumi amabini anesihlanu(25) Kule inyanga yeThupha.

Eyesibini(2) iPriliminary round izakuba ngenyanga ezayo yoMsintsi. Kokokuqala(1) ukuba iCaf inikezele ngamaqithiqithi kwakwiPrilimibary round. Kwiminyaka emibini(2) egqithileyo isigqeba esilawulayo seCaf sayinyusa imali.

Iqela ngoku eliphumelele iCaf Champions ligi lizakugoduka nezigidi ezine(4m) zeUSD, bhaso elo lalizizigidi ezimbini ezinehafu(2.5m) zeUSD ngonyaka ka2022.

Kanti kwiCaf Confed iqela eliphumeleleyo liyakugoduka nezigidi ezimbini(2m) zeUSD, ibisisigidi esinye esinamakhulu amabini amawaka(1.2m) zeUSD, Kunyaka ka2022.

Kunyaka ophelileyo amaqela axhamlile kwimali yendebe yeAfrican Football ligi nalapho kwakuphunyelelwa izigidi ezisibhozo(8m) zeUSD.kwiCaf Champions ligi ngoku zizigidi ezine(4m) zeUSD kwiinjinga ezintsha

Amabhaso eCaf Champions ligi ame ngoluhlobo iinjinga zifumana izigidi ezine(4m) zeUSD, ze abajike kumagqibela kankqoyi bafunjathiswe izigidi ezimbini(2m) zeUSD.

Kwindawo yamandulela kamagqibela kankqoyi bafumana isigidi esinye esinamakhulu amabini amawaka(1.2m) zeUSD, kuze kulandele kumaqela ajike kumaqela asibhozo(8) okugqibela bona bagoduka namakhulu alithoba amawaka(900 000) eUSD.

Abakwindawo yesithathu(3) neyesine(4) banikwe amakhulu asixhenxe amawaka(700 000) eUSD.

KwiConfed iinjinga zigoduka nezigidi ezimbini(2m) zeUSD. Abajike kumagqibela kankqoyi bagoduka nesigidi esinye(1m) seUSD.

Abajike kumandulela kamagqibela kankqoyi bafunjathiswe amakhulu asixhenxe anamashumi amahlanu amawaka(750 000) yeUSD.

Abajike kumaqela asibhozo(8) okugqibela anikwe amakhulu amahlanu anamashumi amahlanu amawaka(550 000) eUSD.

Abaphele bekwindawo yesithathu(3) nabaphele bekwindawo yesine(4) bathiwe jize ngamakhulu amane amawaka(400 000) eUSD.

KwiPriliminary rounds kuzo zombini(2) ezindebe amaqela agoduka ephethe amashumi amahlanu amawaka(50 000) eUSD.

Ngalamaqithiqithi kuncediswana namaqela ukuba akwazi ukuvala izithuba zeehambo nezinye indleko, kwelinye icala kukhuthazwa amaqela ukuba akwazi ukuthabatha inxaxheba ngobuninzi bengenaxhala lemali abazakuyichitha.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks