Kuzakudlana iintsimbi kumdlalo weQakamba namhlanje.

IiProteas neNgilane zidlala umdlalo wesibini emva kokuphumelela owokuqala.

Namhlanje umhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeSilimela iProteas zidlala umdlalo wesibini (2) kwiNdebe yeHlabathi yeT20, kulindeleke umdlalo otshisayo phakathi kwalanaqela mabini (2), kunjalo nje omabini (2) anento afana ngayo kuba ukuza kuleSuper 8 omabini (2) ancediswe lithamsanqa kweminye imidlalo yayo lamaqela.

Lamaqela mabini (2) iProteas neNgilane azakudlala kwibala lesizwe leqakamba iDaren Sammy, eGros Islet eSt Lucia namhlanje ngecala emva kwentsimbi yesine (16h30) ngokwexesha loMzantsi Afrika.

NgoLwesine umhla wamashumi amabini (20) kule imiyo inyanga ukutsho oko phezolo iNgilane ibethe iWest Indies kanti zona iProteas zibethe iMelika ngoLwesithathu umhla weshumi elinethoba (19) kule inyanga sikuyo.

Lomdlalo awuzukuba lula kuba kufuneka omabini (2) la maqela ephumelele ukwenza izinto zabo zime kakuhle ukubheka phambili ngamanqaku.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
65 %
4.7kmh
64 %
Mon
21 °
Tue
32 °
Wed
21 °
Thu
27 °
Fri
32 °

EZITHANDWAYO INDABA