By Siphiwo Boqwana
Iqela lebhola ekhatywayo leSizwe soMzantsi Afrika, Amajita, nelidlalelwa ngabafana abaneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini (U/20) ubudala bangenile kumandulela kamagqibela kankqoyi emva kokubetha iqela lebhola ekhatywayo lesizwe laseComoros ngamanqaku amabini kwiqanda (2-0) eMozambique, kwidolophu yaseMaputo.
Lo mdlalo weCOSAFA ubudlalelwa kumabala iABB1 eMotolo nalapho uLazola Maku ethe wafumana ikhadi elibomvu emva kokuziwisa phakathi ebhokisini nto leyo eyenze ukuba iqela lesizwe elincinci lishiyeke lidlala ngabadlali abalishumi kumzuzu wamashumi asixhenxe anesibhozo.
Abadlali ababini uSiyabonga Mabena weMamelodi Sundowns noOfentse Kgotsana weKaizer Chiefs ngabo abafake amanqaku empumelelo.
Isiqingatha sokuqala somdlalo siphele iliqanda macala. Iqela loMzantsi lize kulo mdlalo lifuna nje inqaku elinye kuphela.
Iqela lamajita ngoku liqubisene neqela eliphume kwindawo yokuqala kuluhlu B iAngola ngoLwesine umhla wesithathu (03) kwinyanga yeDwarha kumdlalo wamandulela kamagqibela kankqoyi.
Iqela eliphumeleleyo kulamaqela mabini lizakungena kumagqibela kankqoyi nalapho liyakuthi lizibekele indawo kukhuphiswano leAFCON kwabangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini (U/20) kunyaka ozayo.

