Iinkokeli nezolawulo kuMasipala weSithili sase-Amathole kunye nepolitiki, nasothukile bebambe ongezantsi ngenxa yeemdaba zosizi ngokusweleka ngesiquphe kwesithethi saloMaspala uNonceba Madikizela-Vuso.
lenzwakazi ingasekhoyo ibisisiSithethi iminyaka ebalekayo kuloMaspala. Ngokwengxelo evela kuMaspala waseAmathole uNonceba ubhubhe emva kokufama ingozi yemoto kuhola wendlela uR72 kufutshane nebhulorho iChalumna ngaseSobeliti Village phantsi komasipala ombaxa iBuffalo City.
Lengozi yenzeke izolo, ngoLwesibini, umhla we05 kweyoMnga 2023 emva kwemini, kwaye oyena nobangela usaphandwa okwangoku ngamagosa omthetho.
Zombini iinkokheli zezopolitiko nezolawulo zase-ADM zivakalisa uvelwano olunzulu kusapho lakwaVuso kunye nabo babathandayo. “Iingcinga zethu kunye nemithandazo yethu ikusapho lukaNksz Madikizela-Vuso, izihlobo kunye nesibathandayo ngeli xesha linzima lentlungu. Asinamazwi aneleyo okuvakalisa umothuko nosizi lwethu ngokusweleka kwakhe ngesiquphe” – Umanejala kaMasipala waseADM uGq Bhekisisa Mthembu.

