Umasipala waseMakana uphantsi kweengxaki zamanzi

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ngoLwesihlanu kulindeleke ukuba azibandakanye noMphathiswa wezaManzi noGutyulo uSenzo Mchunu kutyelelo lokongamela umasipala wengingqi yaseMakana.

Oku, ngeenzame zokuzinzisa imeko yokubonelela ngamanzi kulendawo.

Ekuqaleni kuka-2023 umasipala wendawo yaseMakana uye wakhupha ingcebiso malunga namanzi abilayo emva kokuba i-E.coli ifunyenwe kwiisampuli zamanzi ezithathwe ngoMeyi.

Isithethi salo masipala uAnele Mjekula uthe ngelo xesha umasipala wafumana iziphumo zovavanyo lwamanzi emva kokuphinda kwenziwe isampulu, nto leyo ebonisa ukuba kukho ukungaphumeleli komgangatho wamanzi, kuba kubhaqwe ubukho beE.coli.

Uthe xa equbisana nalo mba, umasipala uzakuthi gqolo esenza uvavanyo lwamanzi rhoqo, kwaye athathe amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba iziphumo zomgangatho wamanzi wemicrobiological uyahlangabezana nemigangatho yamanzi okusela njengoko kumiselwe kwiSANS 0241.

NgoLwesihlanu, i-Amatola Water – iarhente yomiliselo yesebe eMakana – kulindeleke ukuba inike ingxelo kwabo balindelekileyo ngomsebenzi wongenelelo owenziwe kule ngingqi ukuqinisekisa ukubonelelwa ngokufanelekileyo kwamanzi acocekileyo eluntwini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA