Kufunyenwe igusha ezilikhulu ekisothoba (109) kunye nenkomo ezingamashumi asithoba anasibhozo (98) ebezibiwa ngamasela emfuyo kuTsolo naku Qumbu.
UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loluntu kwiPhondo lweMpuma Joloni uXolile Nqatha, uwancomile eqela elijongene nokubiwa kwemfuyo ngokwenza inkqubela kwinzame zokuzama ukuphelisa ubusela bemfuyo kwiphondo.
Oku kulandela ukufunyanwa ngempumelelo kweegusha ezilikhulu elinesithoba kuTsolo(109) kunye neenkomo ezingamashumi alithoba anesibhozo(98)kuQumbu leliqela leSithili saseOR Tambo elijongene nokuThintela ukubiwa kwemfuyo ngoLwesithathu (8/10).
Eli qela lithi iigusha lizifumene zishiywe esithubeni kude Kufuphi kwaMahlungulu, ukanti iinkomo, nazo zifunyenwe zisemadlelweni abarhanelwa becele kwabanentsente.
Ngokwengxelo yamapolisa ixabiso lale mfuyo liqikelelwa ngapha kwezigidi ezinamakhulu zerandi. Iigusha (R189 000) ze iinkomo zona (R890 000).
UMphathiswa uNqatha uthe “Singurhulumente wephondo, siwuvuyela kakhulu umsebenzi owenziwa yiyunithi yokubiwa kwemfuyo ukususela oko yasekwayo. Siyayiqonda intlungu kunye nembandezelo ebangelwa kukubiwa kwemfuyo kwiindawo esihlala kuzo, kwaye sifuna ukhalimela abo babandakanyekayo kolu lwaphulo-mthetho. Amapolisa asebenza ngenkuthalo ukuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bajongane nengalo yomthetho”.