Ngokwengxelo yamapolisa, zine(4) izakhiwo ezithe zantunyekwa ngomlilo ngenjikalanga yayizolo kwaNokholeji

Ingxelo yamapolisa engena kusasa nje ithi zine izakhiwo ezithe zatshiswa phezolo(Administration block, Student Centre, Auditorium and HIV Centre).

Ukanti lona inani labafundi ababanjwe ngenxa yoqhanqalazo lisame kwisibhozo njengoko kungakhange kuvalelwe mntu kwaye kungakhange konzakale mntu phakathi kwabafundi kunye namapolisa.

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi imeko kwiDyunivesithi yaseFort Hare eDikeni basayibeke phantsi kweliso elibukhali.

U Mawisa unabe wathi, oonogada abane(4) ebebe thathwe ngaphandle kwemvume yabo bavalelwa kwenye yezakhiwo nabo bafunyenwe Baze bahlangulwa ngamapolisa bengonzakalanga.

Iinkokheli zika Rhulumente eziquka iNkulumbuso yephondo lweMpuma Kapa uOscar Mabuyane kwakunye nomphathiswa wesebe lezemfundo uButi Manamela zihlabe ikhwelo lokupheliswa koludlame.

Logama Iinkokheli eyongamele ulawulo kwiDyunivesithi uNjingalwazi Sakhela Buhlungu yena ebhengeze ukuvulwa kwengcango zeskolo kwakunye nophuma-phele kubafundi bonke ngentsimbi yesihlanu(17h00) namhlanje.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA