11 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

OoRhunta babulele isibini saseGqeberha.

Amapolisa aseGqeberha akhangela isibini esibulelele abantu abantu ababini.

Ibutho lephondo laseGqeberha likhangela abarhanelwa ababini (2) abadubule baze babulala abantu ababini (2) kumzi welori eMarkman ngentsasa yayizolo, umhla weshumi elinesithoba.

Kutyholwa ukuba kwemizuzu engamashumi amahlanu anesihlanu emva kwentsimbi yesibhozo (08:55) kusasa, uTabile Adonis oneminyaka engamashumi amashathu anesine (34) ungene evenkileni egaraji ngethuba abarhanelwa ababini ababesele besevenkileni besiza kuye waza omnye wabo wamdubula izihlandlo ezininzi.

Abarhanelwa emva koko babaleka badibana noGeorge Bruintjies oneminyaka engamashumi amane (40) obeme ngaphandle. UGeorge uthe akubona abarhanelwa wabaleka kodwa wadutyulwa izihlandlo ezimbini (2) phambi kokuba abhubhe.

Abarhanelwa batsibele kwimoto emhlophe babaleka. Okwangoku, isizathu sokubulala sisaphandwa.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni abarhanelwa ukuba atsalele umnxeba uD/Sgt Nigel Wright ku-082 921 2312 okanye uCrime Stop ku-08600 10111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane.

Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11 ° C
11 °
11 °
81 %
1.3kmh
99 %
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks