Owayesakuba ngumphathi wase-Ekurhuleni uphakathi kwabane ababanjwe kwityala likaMadlanga

Owayesakuba ngumphathi wesixeko sase-Ekurhuleni u-Imogen Mashazi ubanjwe ngobusuku bangoLwesithathu umhla wesibhozo(8) kweyeKhala, kwinkqubo edibeneyo yeQela leeNgcebiso zeKhomishini kaMadlanga.

Ubengomnye wabantu abane ababanjwe, kunye nentloko yeenkonzo zomthetho emisiweyo uKemi Behari kunye nentloko yezabasebenzi emisiweyo uLinda Gxasheka.

UMashazi wayephethe idolophu yonke, ejongene namasebe angamashumi amahlanu anesihlanu (25) kunye nabasebenzi abangaphezu kwe-18,000, ngaphambi kokuba ixesha lakhe liphele phakathi kophando lwekhomishini.

Utyholwa ngokukhusela intloko ye-EMPD uJulius Mkhwanazi kwizenzo zoqeqesho malunga nokusebenzisana kwakhe neenkampani zosomashishini uVusimuzi “Cat” Matlala, izityholo azikhanyele ngokuphindaphindiweyo phantsi kwesifungo, ngaxa lithile exelela ikhomishini ukuba, “Andenzanga nto imbi.”

Ikhomishini yaziva ngokwahlukeneyo ukuba uMashazi wathabatha inqwelo moya eqeshiweyo eya eLondon ngenyanga yeKhala ka-2022, ebiza phakathi kwe-R3.3 yezigidi kunye ne-R3.5 yezigidi, ekuthiwa yahlawulwa ngusomashishini uZe Nxumalo.

I-Democratic Alliance e-Ekurhuleni ithe kule veki ingenise ubungqina obutsha bokutyhola amapolisa obudibanisa uMashazi neendawo ezimbini zodidi oluphezulu eMeyersdal Eco Estate ezixabisa i-R60 yezigidi.

Akukho nanye kulamabango abonakaliswe ukuba inxulumene ngqo nomba kaMkhwanazi.

Amangqina axelele ikhomishini ngokwahlukeneyo ukuba uBehari noGxasheka bafumana ukonyuselwa kwemivuzo okuxabisa malunga ne-R600,000, kuthiwa batshintshiselana ukuqinisekisa ukuba iinkqubo zoluleko nxamnye noMkhwanazi azizange ziqhubeke.

Akukaziwa okwangoku ukuba zeziphi kwezi zinto, ukuba zikhona, ezisisiseko sokubanjwa kwaba barhanelwa ngoLwesithathu ebusuku.

Amapolisa athe iinkcukacha ezithe vetshe, kuquka amatyala, ziya kukhululwa kuphela xa abarhanelwa bevele enkundleni.

Amapolisa aqinisekisile ukuba bonke abarhanelwa abane kulindeleke ukuba bavele kwiNkundla kaMantyi yaseGermiston.

UMkhwanazi ngokwakhe wabanjwa ngenyanga ka Tshazimpuzi kwaye okwangoku ungaphandle ngebheyile ye-R30,000.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
16.7 ° C
16.7 °
16.7 °
64 %
0.6kmh
45 %
Thu
21 °
Fri
20 °
Sat
20 °
Sun
21 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA