12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

U-Nasizo Mndende Uchongelwe iSATMA19 eGqwesileyo kuMvuzo weNdalo yeSintu.

Theko Mabanya

UNasizo Mndende, nosakhulayo onempembelelo kumakhasi onxibelelwano eMpuma Koloni, uchongelwe iimbasa zeshumi elinesithoba zonyaka weSouth African Traditional Music Achievement (SATMA) phantsi kwecandelo leBest Traditional Social Media Influencer.

Oku kutyunjwa yimpumelelo enkulu kuNasizo, nto leyo ephawula isiqalo ekuqatshelweni kweli qonga libaluleke kangaka, ingakumbi ngenxa yegalelo lakhe ekugcineni nokukhuthazwa kwenkcubeko nezithethe zesiXhosa.

UNasizo uvakalise uchulumanco ngokutyunjwa, esithi ukuwongwa kwinqanaba lesizwe linyathelo elibalulekileyo, hayi kuye kuphela kodwa nakwisizukulwana esitsha esibambelele kwizithethe zesiXhosa, inkcubeko kunye namasiko.

“Ndonwabe kakhulu. Andizange ndiwongwe okanye ndityunjwe nangayo nantoni na ingakumbi kwiphondo lakowethu eMpuma Koloni. Ngoko ke, ukutyunjwa kuzwelonke yinto enkulu, hayi kum kuphela, kodwa kumntu wonke oselula osakholelwayo nowenza amasiko ethu,” utshilo.

Umsebenzi kaNasizo kumakhasi onxibelelwano umenze wanconywa kwaye wahlonitshwa, ingakumbi indlela abelana ngayo ngokuphandle nangothando ngezimvo zakhe ngezithethe zesiXhosa. Ngeevidiyo, izithuba, kunye neencoko, ubonisa imisebenzi eyahlukeneyo yenkcubeko kunye nezithethe, uhlala enikezela ngombono wobuqu ngokubaluleka kwazo kumaxesha anamhlanje.

Xa ebuzwa ukuba yintoni akholelwa ukuba ikhokelele ekutyunjweni kwakhe, uNasizo ubalule ubunyani bomxholo wakhe kunye nokuzibophelela kwakhe ekuthetheni phandle ngeenkqubo zakhe, ingakumbi ukhetho lwakhe lokuhlala enyulu njengenxalenye yokugcina ubuntombi bakhe.

“Ndicinga ukuba kungenxa yokuba ndingaguquguquki kwimiyalezo yam. Ndisebenzisa amaqonga am ukufundisa abantu abatsha ngenkcubeko yethu, kwaye inxalenye enkulu yalo nto kukufundisa ngokubaluleka kobunyulu nesithethe.”

Ukuchongwa kukaNasizo kuphawuleka kakhulu kuba ungowokuqala kwaye ekuphela komntu waseMpuma Koloni ukuchongwa kwiSATMA19 phantsi kweli nqanaba. Oku kuphunyeziweyo kugxininisa ilizwi lakhe elikhethekileyo kwindawo yedijithali, apho athethela ukugcinwa kwenkcubeko yesiXhosa, ngakumbi ngokuphathelele kubufazi neenqobo ezisemgangathweni akholelwa ukuba zibalulekile kwisizwe.

Omnye wemiyalezo ephambili ayibethelelayo kukubaluleka kokuzikhwebula kolutsha ekusebenziseni iziyobisi, kuquka utywala necuba kunye nentsango, kwanokubakhuthaza ukuba baphephe imikhwa eyonakalisayo edla ngokunxulunyaniswa nolonwabo lwasebusuku, efana nokuya rhoqo kwimijuxuzo yasebusuku neethaveni. UNasizo usebenzisa iqonga lakhe ukucebisa ulutsha ekwenzeni izigqibo ezifanelekileyo, njengokuzikhwebula kukwabelana ngesondo de utshate.

“Ndithetha ngezi zinto kuba ndifuna ukukhokela ulutsha lwethu kwindlela elungileyo. Imalunga nokuzikhusela wena kunye nekamva lakho,” utshilo.

Umsebenzi wakhe njengomphembeleli kwindawo yemveli ugqamile kwixesha apho iimpembelelo zala maxesha nezaseNtshona zilawula inkcubeko yolutsha. UNasizo Mndende usisikhumbuzo sokuba kukho ixabiso kunye namandla okugcina unxibelelwano neengcambu zomntu, kwaye ukutyunjwa kwakhe bubungqina bempembelelo abenayo kubomi babantu abaninzi ngokuthethelelwa kwakhe.

Ukuchongwa kwakhe kumawonga eSATMA19 ayiloloyiso lomntu nje kodwa lelokugcinwa kwelifa lenkcubeko eMzantsi Afrika.

Njengokuba iimbasa zisondela, wonke amehlo azakube ethe ntsho kuNasizo, ongapheleli nje ekumiseleni indlela kodwa ukwakhuthaza isizukulwana esizayo ukuba sizingce ngenkcubeko yaso, sihlale sibambelele kwizithethe sazo, senze ukhetho olululo ebomini olunika imbeko kwilifa laso.

Nokuba uyaphumelela okanye akaphumeleli, uNasizo Mndende sele emenze wabonakala njengomntu onempembelelo kumajelo eendaba ezentlalo, ebonisa ukuba ukuhlala unyanisekile kwiingcambu zakho kunokuvakala ngaphaya kwedolophu yakowenu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks