Uluntu luyacetyiswa eBCMM ukuba luqaphele amachiza athe afunyanwa eLwandle kulomasipala.

UMasipala waseBuffalo City ulumkisa uluntu lwale ngingqi malunga namachiza athe afunyanwa emveni kokuba ulwandle lutyekeze i-‘Container’ ibithwele amayeza.

Iqela lokhuseleko kumasipala ombaxa iBuffalo City libongoza uluntu ukuba lungaqokeleli okanye lusebenzise iimveliso zamachiza ezikhukuliswe ngamanzi kunxweme lwaseMonti.

Oku kusemva kokuba iSouth African Maritime Safety Authority (SAMSA) inike ingxelo malunga nekhonteyina ekhukuliseke kunxweme lwaseMpuma Kapa ngasePort St Johns kwiveki ephelileyo. Ukongeza, iSAMSA ikwanike ingxelo ngeebhotile zamayeza ezineepilisi elunxwemeni kwindawo yasePort Alfred, Kenton, Cannon Rocks, naseBoknes ukusukela ngoMvulo we-9 Septemba 2024.

Kule veki, iimveliso zamayeza ziqale ukubonakala ngaselwandle olungqonge iBuffalo City. Ukuphendula oku, indawo yokothula okwethutyana iye yasekwa eKysers Beach. Kucingelwa ukuba ezinye iimveliso zithathwe ngabantu abahlala kufutshane.

Ngenxa yolu phuhliso, iqela lezokhuseleko likaMasipala waseBuffalo City elikhokelwa ziiNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika liqhuba iipatroli kunye namaphulo okucoca kulwandle lwaseBuffalo City.

Oku kwenziwa njengamanyathelo okuqinisekisa ukhuseleko kunye nokuphila kakuhle koluntu, kunye nokuthintela nakuphi na ukusetyenziswa kakubi kwezi mveliso. Kukhangelo lwemihla ngemihla, ibhotile eneepilisi zonyango ifunyenwe idada eKidds Beach, e-Igoda, kude kufuphi nalapho ezinye zisanda kufunyanwa khona.

Iqela likwabongoza uluntu ukuba luqaphele kwaye lunike ingxelo kwabasemagunyeni kwezinombolo zilandelayo:

1. BCM Beaches: Alen Zealand: 081 027 3677
2. Eastern Cape Human Rights & Missing Persons: Lonwabo Yiliwe: 067 106 3076
3. BCM Disaster Management: Siyabulela Qotsini: 083 427 8197
4. BCM Disaster Management: Lunga Mnxulwa: 072 730 9636
5. BCM Disaster Management: Athi Jack: 068 565 297

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA