Home Iindaba Ubabulele bobathathu(3) abantwana bakhe umfazi waseLusikisiki

    Ubabulele bobathathu(3) abantwana bakhe umfazi waseLusikisiki

    Uluntu lwaseLusikisiki eMpuma Koloni lubambe ongezantsi emva kokuba umama etyholwa ngokubulala abantwana bakhe abathathu phambi kokuba azibulale. Le ntlekele yenzeke kwiiyure nje ezingama-24 emva kokuba uRhulumente esenza isikhumbuzo seWorld Suicide Prevention Day ngeCawe.

    Isithethi samaPolisa uColonel Priscilla Naidu uthi uVeziwe Ntsizela oneminyaka engamashumi amane ananye ubudala kunye nabantwana bakhe abane bebelele kwamakhulu wabo ngoMvulo ngethuba ebavusa ngentseni. Uthi uNtsizela kutyholwa ukuba waxelela iintombi zakhe ezineminyaka ephakathi kwemine neshumi elinesine ubudala ukuba zimkhaphe xa esiya kuthandaza kwelinye igumbi kodwa endaweni yoko, zasiwa kwihlathi elikwilali yaseLuzuphi apho zanyanzelwa ukuba zisele iipilisi. UColonel Naidu uthi intombi endala kaNtsizela yala yaze yakwazi ukuqhwesha ukuze iye kulumkisa abanye abantu kulo mzi abafowunele abasemagunyeni.

    Uthi akufika amapolisa abhaqa izidumbu zikaIyapha (4), Phile (8) noInga Ntsizela (12) zidunduluzile. Lo mama ebengekaduki kwaye icandelo lokukhangela nokuhlangula eRhini lifumene umzimba wakhe ngentseni yangoLwesibini. UNtsizela wafunyanwa kumgama oziimitha ezili-100 ukusuka kwindawo yexhwayelo kumatyholo axineneyo. Amapolisa aphanda amatyala amathathu okubulala. Kwinyanga ephelileyo, kukhe kwakho isihelegu esifana neso kwingingqi yoLawulo lwaseTholeni eGcuwa ngethuba umama oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo uBongeka Buso efunyenwe ejinga ngentambo.

    UBuso utyholwa ngokutyhefisa iintombi zakhe ezimbini ezineminyaka emihlanu kunye nesibhozo ubudala, ezifunyenwe kwiibhedi zabo ngelixa umntwana wakhe oneminyaka elishumi elinesine efunyenwe phantsi enemela entanyeni. Unobangela wesenzo sikaBuso kwakukholelwa ukuba wawuqhutywa yintlupheko. UMkomishinala wePhondo uNjengele Nomthetheleli Mene, uvakalise usizi nenkxalabo ngokusweleka kwabo. Esithi Kuyingxaki enzulu kunye nentliziyo ebuhlungu ukuba abafazi abajongene nentlupheko banokuqhutyelwa ekulahlekeni okunjalo.

    UMene uthi Imingeni yentlalontle inokunyusa ubuthathaka babo kwimiba yengqondo. Ukujongana nentlupheko kunye nokukhuthaza inkxaso yempilo yengqondo kubalulekile ukuthintela iintlekele ezinjalo. Utshilo

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks