Home Iindaba Ubelixhoba lodlwengulo umkhweli e Graaf -Reinet

    Ubelixhoba lodlwengulo umkhweli e Graaf -Reinet

    Umqhubi welori oneminyaka engamashumi anesine anesithathu (43) ubudala ubanjiwe eMiddleburg kamsinya nje emva kokuba etyholwe ukuba udlwengule umntu owayekhwele isithuthi emva kokumlanda eKariega.

    Kutyholwa ukuba ngoMvulo, ngomhla wesibhozo ku Canzibe malunga nentsimbi yeshumi elinesihlanu inkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesithathu(23)ubudala yayikhwele nabanye abakhweli kwaye xa umqhubi welori esothula abanye abakhweli eJansenville, waqhubeka nohambo lwakhe yedwa kunye naye ilori. Malunga neekhilomitha ezingamashumi amathathu ukusuka eGraaff-Reinet kwindlela yaseJansenville kwindawo yokuphumla, wagrogrisa lo wasetyhini ngompu waze wamdlwengula. Uye wehliswa eGraaff-Reinet apho athe walumkisa amapolisa.

    Uphando lokulandelela olukhawulezileyo lweZiko le-SAPS Graaff-Reinet Operational Command Centre (OCC) kunye namalungu eVispol, lukhokelele ekubanjweni ngokukhawuleza komqhubi weloli eMiddleburg.

    Umqhubi wabanjwa esendleleni eya eColesberg. Wayevalelwe ngetyala lokudlwengula.

    Umkomishinala weSithili saseSarah Baartman, uMaj Gen Zolani Xawuka uncome amapolisa ngenyathelo lawo elikhawulezileyo nokumbamba umrhanelwa. ‘I-SAPS ingathanda ukulumkisa abantu basetyhini ngeengozi zokukhwela inqwelo-mafutha njengoko benokuba ngamaxhoba okukhuthuzwa, ukudlwengulwa, ukurhweba ngabantu okanye nokubulala. Ukukhwela akusoloko kusimahla. Ukukhwela inqwelo-mafutha kunokuba yingozi nokuba kumqhubi omisayo ukuze akhwelise abantu abangabaziyo njengoko kunokwenzeka ukuba unokuqweqwediselwa isithuthi nempahla yakhe ngoxa kwangaxeshanye ukukhwela inqwelo-mafutha kuba nje efuna i-lift nako kunokuba yingozi njengakule meko. . Ungaze ukhwele inqwelo-mafutha njengoko le ndawo ibeka ukhuseleko lwakho emngciphekweni,’ wongeze watsho uMaj Gen Xawuka.

    Imibuzo: Col Priscilla Naidu
    071 362 8726

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks