UFUNGE WAMUNC’INTUPHA USOMASHISHINI OTHANDE UKUPHUM”ZANDLA EKUSHISHINENI KWABO BASAKHASAYO UKUBA AKASAYI KUZE ASEBENZELE OMNYE UMNTU YENA
Usomashishini osakhasayo nokwakholelwa ukuba ishishini lizala elinye, uNqabakazi Cuthalele ongumhlali kwilali yaseTolofiyeni eQonce, uthi akaziboni esebenzela omnye umntu nanjengoko ezibona sele ebheke phambili kumashishini akhe aquka ukuthengisa imifuno kwisitendi esikufutshane nesitolo uNick’s food eQonce.
Ngenxa yothando lokuthengisa lokaCuthalele ngexesha esafunda kwisikolo semfundo ephakamileyo nanjengoko eyifunde wayityekeza ebemana ngokuncedisa umama uNozanele Mrhwashu kwisitendi sakhe semifuno, kulapho abone khona ukuba oluhlobo leshishini luyayenza imali ngeniso. Isigqibo sokuzivulela esakhe isitendi usithathe ngonyaka ka2021, ngeenjoko zokwenza imali ngeniso nanjengoko wayesele enawo amancinci amashishini akuquka ukuthengisa inyama kunye nezimuncumuncu (snack hamper).
Ucacise indlela eliluncedo ngayo elishishini esithi ” ngemali endiyenzayo apha estandini, ndixhasa usapho lwam ukuquka abantwana bam, kwakunye nabanye abantwana basekhaya. Kulonyaka umiyo ndijongene nokolusa amakhwenkwe amabini, omnye wabo ongumninawe wam, nanjengoko abazali bam bengasekho.
Ukhankanye imiceli mngeni efana namahla-ndenyuka eshishinii, nokungabina ndawo ekhusekileyo yokusebenzela (shelter)nanjengoko umasipala ombaxa weBCM kudala esenza izithembiso ngokubanika indawo ekhuselekileyo engani mvula (shelter)yokuthengisela, utshintsho lwesimo sezulu kuyenye yemingeni apho kuye kunyanzeleke ukuba baphathe izinto zokutshintsha ezibhegini zabo, olu tshintsho tshitsho lwemozulu lubangela ukuba bafumane ingqele.
Ukhuthaze ulutsha oluchaphazeleka kwintswela ngqesho olungaphangeliyo esithi “mabavuke baphakame bazenzele ngoba isibonelo sikarhulumente asonelanga ngako oko umntu makavuke aziqalele ishishini naluphina oluzakuzisa imali ingeniso”.
Ingxelo: Athule Mangena
